-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Éxodo 13:1|
UYehova wathetha kuMoses, wathi,
-
2
|Éxodo 13:2|
Ndingcwalisele onke amazibulo, yonke into evula isizalo phakathi koonyana bakaSirayeli, kumntu nakwinkomo; yeyam.
-
3
|Éxodo 13:3|
Wathi uMoses ebantwini, Yikhumbuleni le mini niphume ngayo eYiputa, endlwini yobukhoboka; kuba uYehova unikhuphe kule ndawo ngesithe nkqi isandla; ize ke kungadliwa nto inegwele.
-
4
|Éxodo 13:4|
Lo ngumhla eniphume ngawo ngenyanga enguAbhibhi.
-
5
|Éxodo 13:5|
Kothi, xa uYehova anifikisileyo ezweni lamaKanan, lamaHiti, lama-Amori, lamaHivi, lamaYebhusi, awalifungela ooyihlo ukubanika, izwe elibaleka amasi nobusi, ukhonze ngale nkonzo kule nyanga:
-
6
|Éxodo 13:6|
nidle izonka ezingenagwele iintsuku ezisixhenxe; ke usuku lwesixhenxe lungumthendeleko kuYehova;
-
7
|Éxodo 13:7|
izonka ezingenagwele zodliwa iintsuku ezisixhenxe; kungabonwa kuwe nto inegwele, kungabonwa gwele kuwe emideni yakho yonke.
-
8
|Éxodo 13:8|
Uze umxelele unyana wakho ngaloo mini, uthi, Ndikwenza oku ngenxa yoko uYehova wakwenzayo kum ekuphumeni kwam eYiputa;
-
9
|Éxodo 13:9|
kuze kube ngumqondiso kuwe osesandleni sakho, ube sisikhumbuzo phakathi kwamehlo akho, ukuze umyalelo kaYehova ube semlonyeni wakho; kuba uYehova ukukhuphe eYiputa ngesithe nkqi isandla.
-
10
|Éxodo 13:10|
Uze uwugcine lo mmiselo ngexesha lawo elimisiweyo imihla kamihla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38