-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Éxodo 13:11|
Kothi, xa akufikisileyo uYehova ezweni lamaKanan, njengoko wafungayo kuwe nakooyihlo, wakunika lona,
-
12
|Éxodo 13:12|
uyidlulisele kuYehova yonke into evula isizalo, into yonke elizibulo lenkomo, oya kuba nayo; amaduna oba ngakaYehova.
-
13
|Éxodo 13:13|
Into yonke elizibulo le-esile woyikhulula ngokuyimisela ngexhwane; ke ukuba uthe akwayikhulula ngokuyimisela, woyaphula ilungu lentamo. Yonke into elizibulo lomntu koonyana bakho, nayo woyikhulula ngokuyimisela.
-
14
|Éxodo 13:14|
Kothi, xa unyana wakho akubuzayo ngexesha elizayo, esithi, Yintoni na le nto? uze uthi kuye, UYehova wasikhupha eYiputa, endlwini yobukhoboka, ngesithe nkqi isandla;
-
15
|Éxodo 13:15|
kwathi, xa uFaro wayelukhuni ukusindulula, uYehova wawabulala onke amazibulo ezweni laseYiputa, ethabathela kwizibulo lomntu, wesa kwizibulo lenkomo; kungenxa yoko, le nto ndibingelela kuYehova yonke into evula isizalo eliduna, ndiyikhulule ngokuyimisela yonke into elizibulo koonyana bam;
-
16
|Éxodo 13:16|
ibe ngumqondiso esandleni sakho, ibe sisikhumbuzo phakathi kwamehlo akho, kuba uYehova wasikhupha eYiputa ngesithe nkqi isandla.
-
17
|Éxodo 13:17|
Kwathi, akubandulula uFaro abantu, uThixo akabakhokela ngendlela yelizwe lamaFilisti, nakuba ibimfutshane yona: kuba wathi uThixo, hleze abantu bazohlwaye bakubona imfazwe, babuyele eYiputa.
-
18
|Éxodo 13:18|
UThixo wabazungulezisa abantu ngendlela yentlango yoLwandle oluBomvu. Banyuka bexhobile oonyana bakaSirayeli, bevela ezweni laseYiputa.
-
19
|Éxodo 13:19|
UMoses wawathabatha wahamba nawo amathambo kaYosefu; kuba wayebafungisile nokubafungisa oonyana bakaSirayeli, esithi, UThixo uya kunivelela okunene; nize niwanyuse amathambo am, emke nani kule ndawo.
-
20
|Éxodo 13:20|
Banduluka eSukoti, balalisa e-Etam, enyeleni yentlango.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40