-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Éxodo 25:1|
Wathetha uYehova kuMoses, wathi, Thetha koonyana bakaSirayeli, bandizisele umrhumo.
-
2
|Éxodo 25:2|
Nowuthabatha umrhumo wam ebantwini bonke abanikela ngokuqhutywa yintliziyo.
-
3
|Éxodo 25:3|
Nguwo lo ke umrhumo eniya kuwuthabatha kubo: igolide, nesilivere, nobhedu;
-
4
|Éxodo 25:4|
nento emsi nemfusa nebomwu, nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe;
-
5
|Éxodo 25:5|
nezintsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi;
-
6
|Éxodo 25:6|
nemingampunzi, ioli yesikhanyiso, ubulawu beoli yentambiso, nobesiqhumiso esiqholiweyo;
-
7
|Éxodo 25:7|
amatye ebherilo, namatye okufakwe e-efodini, nawobengo;
-
8
|Éxodo 25:8|
bandenzele indawo engcwele, ndihlale phakathi kwabo.
-
9
|Éxodo 25:9|
Njengako konke endikubonisa kona: ngokomfanekiso womnquba, nomfanekiso weempahla zawo zonke, ize nenjenjalo ukuwenza.
-
10
|Éxodo 25:10|
Mabenze ityeya yomngampunzi. Ubude bayo mabube ziikubhite zombini ezinesiqingatha, ububanzi bayo bube yikubhite enesiqingatha, ukuphakama kwayo kube yikubhite enesiqingatha;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10