-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Éxodo 16:31|
Indlu kaSirayeli yathi igama lale nto yimana. Yayinjengembewu yekoriyandire, imhlophe, isongo sayo sinjengezonkana ezinobusi.
-
32
|Éxodo 16:32|
Wathi uMoses, Nantsi into awise umthetho ngayo uYehova: zalisani ihomere ngayo, igcinelwe izizukulwana zenu, ukuze zisibone isonka endinidlise sona entlango, ekunikhupheni ezweni laseYiputa.
-
33
|Éxodo 16:33|
Wathi uMoses kuAron, Thabatha isitya sibe sinye, ugalele ihomere kuso sizale yimana, uyibeke phambi koYehova, igcinelwe izizukulwana zenu;
-
34
|Éxodo 16:34|
igcinwe njengoko uYehova wamwisela uMoses umthetho ngako. Wayibeka uAron phambi kwesingqino, ukuba igcinwe.
-
35
|Éxodo 16:35|
Bayidla oonyana bakaSirayeli imana iminyaka emashumi mane, bada bafika ezweni elimiweyo; bayidla imana bada bafika emdeni welizwe lakwaKanan
-
36
|Éxodo 16:36|
Ke ihomere isisahlulo seshumi se-efa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21