-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Éxodo 15:21|
Wawaphendula uMiriyam wathi, Vumani kuYehova, kuba enobungangamsha obukhulu; Ihashe nomkhweli walo ulizulumbele elwandle.
-
22
|Éxodo 15:22|
UMoses wawandulula amaSirayeli, emka eLwandle oluBomvu, aphuma aya entlango yaseShure; ahamba iintsuku zantathu entlango, akafumana manzi.
-
23
|Éxodo 15:23|
Afika eMara, akaba nakuwasela amanzi aseMara, kuba ayekrakra; ngenxa yoko igama laloo ndawo kwathiwa yiMara.
-
24
|Éxodo 15:24|
Abantu bamkrokrela uMoses, besithi, Siya kusela ntoni na? Wadanduluka kuYehova.
-
25
|Éxodo 15:25|
UYehova wambonisa umthi; wawuphosa emanzini, aba mnandi amanzi. Khona apho wabamisela ummiselo nesiko, khona apho wabavavanya.
-
26
|Éxodo 15:26|
Wathi, Ukuba uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, wenza okuthe tye phambi kwakhe, wayibekela indlebe imithetho yakhe, wayigcina yonke imimiselo yakhe: andiyi kubeka nasinye isifo phezu kwakho endisibekileyo phezu kwamaYiputa; kuba ndinguYehova, igqirha lakho.
-
27
|Éxodo 15:27|
Bafika e-Elim, apho kwaye kukho imithombo yamanzi elishumi elinamibini, nemithi yesundu engamashumi osixhenxe, bazimisa iintente khona ngasemanzini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19