-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Éxodo 20:21|
Abantu bamela kude; wasondela uMoses esithokothokweni abekuso uThixo.
-
22
|Éxodo 20:22|
Wathi uYehova kuMoses, Wotsho koonyana bakaSirayeli, ukuthi, Nibonile nina, ukuba ndithethe nani ndisemazulwini.
-
23
|Éxodo 20:23|
Ize ningenzi oothixo bokunxulumana nam, ningazenzeli oothixo besilivere, noothixo begolide.
-
24
|Éxodo 20:24|
Uze undenzele isibingelelo somhlaba, ubingelele phezu kwaso amadini akho anyukayo, nemibingelelo yakho yoxolo, impahla yakho emfutshane neenkomo zakho. Ndoza kuwe ndikusikelele ezindaweni zonke endomisa kuzo isikhumbuzo segama lam.
-
25
|Éxodo 20:25|
Ke ukuba uthe wandenzela isibingelelo samatye, uze ungasakhi ngamatye aqingqiweyo; okanye ukuba uthe wayiphakamisa intlabo yakho phezu kwaso, woba usihlambele.
-
26
|Éxodo 20:26|
Uze ungenyuki ngezinyuko esibingelelweni sam, ukuze bungatyhileki ubuze bakho kuso.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40