-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Éxodo 21:11|
Ukuba ayithanga izenze ezo zinto zontathu, mayiphume ingahlawulelwanga mali.
-
12
|Éxodo 21:12|
Othe wabetha umntu wafa, naye wobulawa afe.
-
13
|Éxodo 21:13|
Ke lowo ubengenanzondo, yanguThixo omqubisanise nesandla sakhe, ndokumisela indawo aya kusabela kuyo.
-
14
|Éxodo 21:14|
Xa ke umntu athe wagabadela ngakummelwane wakhe, wambulala ngobuqhophololo: uze umsuse nasesibingelelweni sam, afe.
-
15
|Éxodo 21:15|
Othe wabetha uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe.
-
16
|Éxodo 21:16|
Othe weba umntu, nokuba uthengise ngaye, nokuba ufunyenwe esandleni sakhe, wobulawa afe.
-
17
|Éxodo 21:17|
Othe watshabhisa uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe.
-
18
|Éxodo 21:18|
Xa athe abambana amadoda, yaza enye yambetha ummelwane wakhe ngelitye, nokuba kungengqindi, akafa, wesuka walala ngendlu:
-
19
|Éxodo 21:19|
ukuba uthe wavuka, wahamba phandle esimelela: mayingabi natyala leyo yambethayo, kodwa yomnika indleko yexesha lakhe, imphilise aphile.
-
20
|Éxodo 21:20|
Xa athe umntu wabetha isicaka sakhe, nokuba sisicakakazi sakhe ngentonga, safa ngesandla sakhe: sophindezelwa ngenene.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7