-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Éxodo 22:21|
Umphambukeli uze ungamxinzeleli phantsi, ungamxini; kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.
-
22
|Éxodo 22:22|
Yonke into engumhlolokazi nenkedama uze ungayicinezeli.
-
23
|Éxodo 22:23|
Ukuba uthe wabacinezela nangayiphi na indlela, bakhala kum, ndokuva ukukhala kwabo;
-
24
|Éxodo 22:24|
uvuthe umsindo wam, ndinibulale ngekrele; babe ngabahlolokazi abafazi benu, babe ziinkedama abantwana benu.
-
25
|Éxodo 22:25|
Ukuba uthe wababoleka imali abantu bam abaziintsizana abanawe, uze ungabi kubo njengomboleki-mali: uze ungababizi nzala.
-
26
|Éxodo 22:26|
Ukuba ummelwane wakho ubambise ngengubo yakhe kuwe, woyibuyisela kuye lingekatshoni ilanga;
-
27
|Éxodo 22:27|
kuba yona ikukuphela kwesigubungelo anaso, yingubo yakhe yomzimba wakhe; wolala ngantoni ke? Kothi, xa athe wakhala kum, ndive; kuba ndinenceba.
-
28
|Éxodo 22:28|
UThixo uze ungamtshabhisi, nesikhulu ebantwini bakowenu uze ungasiqalekisi.
-
29
|Éxodo 22:29|
Indyebo yakho nencindi yemithi yakho, uze ungalibali ukundinika. Oonyana bakho bamazibulo uze undinike.
-
30
|Éxodo 22:30|
Uze wenjenjalo ngenkomo yakho, nangempahla yakho emfutshane: mayibe kunina iintsuku ezisixhenxe, uthi ngosuku lwesibhozo undinike.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10