-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Éxodo 24:11|
Amanene oonyana bakaSirayeli akawasanga sandla. Ambona ke uThixo, adla, asela.
-
12
|Éxodo 24:12|
Wathi uYehova kuMoses, Nyuka uze kum entabeni, ube khona, ndikunike amacwecwe amatye enomyalelo nomthetho, endiwubhalele ukuze bayalwe ngawo.
-
13
|Éxodo 24:13|
Wesuka uMoses noYoshuwa, umlungiseleli wakhe, wenyuka ke uMoses waya entabeni kaThixo.
-
14
|Éxodo 24:14|
Wathi kumadoda amakhulu, Hlalani, nisilinde apho, side sibuye, size kuni. Yabonani, uAron noHure banani; onendawo yokumangala makasondele kubo.
-
15
|Éxodo 24:15|
Wenyuka ke uMoses waya entabeni; ilifu layigubungela intaba.
-
16
|Éxodo 24:16|
Ubuqaqawuli bukaYehova bahlala phezu kwentaba yeSinayi; ilifu layigubungela iintsuku ezintandathu; wamemeza kuMoses ngosuku lwesixhenxe phakathi efini.
-
17
|Éxodo 24:17|
Ke ukubonakala kobuqaqawuli bukaYehova, emehlweni oonyana bakaSirayeli, kwaye kunjengomlilo otshayo encotsheni yentaba.
-
18
|Éxodo 24:18|
Wangena uMoses phakathi efini, wenyuka ke intaba uMoses; waba sentabeni apho iimini ezimashumi mane, nobusuku obumashumi mane.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38