-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Éxodo 29:31|
Inkunzi yemvu yokumisela uze uyithabathe, uyipheke inyama yayo endaweni engcwele;
-
32
|Éxodo 29:32|
bayidle ooAron noonyana bakhe inyama yenkunzi yemvu, kwanesonka esisengobozini, emnyango wentente yokuhlangana.
-
33
|Éxodo 29:33|
Ezo zinto, bekucanyagushwe ngazo, ukubamisela nokubangcwalisa, mabazidle; owasemzini makangazidli, kuba zingcwele.
-
34
|Éxodo 29:34|
Ukuba kuthe kwasala nto enyameni yokumisela nasezonkeni, kwada kwasa, uze uyitshise ngomlilo loo nto iseleyo; ingadliwa, kuba ingcwele.
-
35
|Éxodo 29:35|
Uze wenjenje kuAron nakoonyana bakhe ngokweento zonke endikuwisele umthetho ngazo; wobamisela iintsuku zibe sixhenxe.
-
36
|Éxodo 29:36|
Uze wenze idini lesono ngenkunzi entsha imini ngemini, ukuze kucanyagushwe; isibingelelo usihlambulule isono ekusicamagusheleni kwakho, usithambise, singcwaliswe.
-
37
|Éxodo 29:37|
Imihla yoba sixhenxe isibingelelo usicamagushela, usingcwalise, sibe sisibingelelo esiyingcwele kangcwele. Zonke izinto ezisichukumisayo isibingelelo eso zoba ngcwele.
-
38
|Éxodo 29:38|
Yiyo ke le into oya kuyibingelela esibingelelweni: ziimvana ezimnyaka mnye zibe mbini, imini ngemini amaxesha onke.
-
39
|Éxodo 29:39|
Enye imvana woyibingelela kusasa, eyesibini imvana uyibingelele lakutshona ilanga.
-
40
|Éxodo 29:40|
Kwimvana yokuqala uze wenze isahlulo seshumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli engqushiweyo esisahlulo sesine sehin, ndawonye nomnikelo othululwayo osisahlulo sesine sehin yewayini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19