-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Éxodo 2:11|
Kwathi ke ngaloo mihla, akukhula uMoses, waphuma waya kubazalwana bakhe, ekhangela imithwalo yabo. Wabona umYiputa ebetha umHebhere wakubazalwana bakhe.
-
12
|Éxodo 2:12|
Wabhekabheka, wathi akuba engaboni mntu, wamthi qwaka umYiputa, wamselela entlabathini.
-
13
|Éxodo 2:13|
Waphuma ngemini yesibini; wabona amaHebhere emabini entlalana; wathi kowone omnye, Yini na ukuba umbethe ummelwane wakho?
-
14
|Éxodo 2:14|
Wathi yena, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumthetheli nomgwebi phezu kwethu? Uza kundibulala na nam, usitsho nje, njengokuba umbulele umYiputa? Woyika uMoses, wathi, Mayibe le nto iyaziwa.
-
15
|Éxodo 2:15|
UFaro wayiva le nto, wafuna ukumbulala uMoses. Wabaleka uMoses, wemka kwaFaro, waya kuma ezweni lakwaMidiyan, wahlala phantsi ngasequleni.
-
16
|Éxodo 2:16|
Ke kaloku umbingeleli wakwaMidiyan wayeneentombi ezisixhenxe; zeza kukha amanzi, zayizalisa imikhumbi ukuba ziseze impahla emfutshane kayise.
-
17
|Éxodo 2:17|
Bafika abalusi, bazigxotha. Wesuka uMoses wazinceda, wayiseza impahla yazo emfutshane.
-
18
|Éxodo 2:18|
Zakufika kuRehuweli uyise, wathi, Nitheni na namhlanje ukuhle nifike?
-
19
|Éxodo 2:19|
Zathi, Sihlangulwe ngumYiputa esandleni sabalusi; kunjalo wasikhelela amanzi, wayiseza impahla emfutshane.
-
20
|Éxodo 2:20|
Wathi ezintombini zakhe, Uphi na? Nimshiyeleni na umntu lowo? Mbizeni, adle isonka.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34