-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Éxodo 35:21|
Beza bonke abantu abantliziyo yabavuselelayo, abo bonke bamoya wabaqhubayo, bawuzisa umrhumo kaYehova emsebenzini wentente yokuhlangana, nasenkonzweni yayo yonke, nasezambathweni ezingcwele.
-
22
|Éxodo 35:22|
Beza, amadoda kwanabafazi, bonke abantliziyo zibaqhubayo, bezisa izacholo, namajikazi, nemisesane, nezidanga, yonke impahla yegolide; bonke abantu ababetshangatshangise kuYehova umtshangatshangiso wegolide, bawuzisa.
-
23
|Éxodo 35:23|
Bonke abantu abafunyanwa benemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya bebhokhwe, nezintsu zeenkunzi zezimvu zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi, bazizisa.
-
24
|Éxodo 35:24|
Bonke abarhuma umrhumo wesilivere, nowobhedu, bawuzisa umrhumo kaYehova; bonke abafunyanwa benemingampunzi yomsebenzi wonke wenkonzo, bayizisa.
-
25
|Éxodo 35:25|
Bonke abafazi abantliziyo zilumkileyo basonta ngezandla zabo, bazizisa ezo nto zisontiweyo; imisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.
-
26
|Éxodo 35:26|
Abafazi bonke, abantliziyo yabavuselelayo ngobulumko, basonta uboya beebhokhwe.
-
27
|Éxodo 35:27|
Izikhulu zazisa amatye ebherilo, namatye okufakwa e-efodini naselubengweni, nobulawu,
-
28
|Éxodo 35:28|
neoli yesiphatho sezibane, neyamafutha okuthambisa, neyesiqhumiso esimnandi.
-
29
|Éxodo 35:29|
Oonyana bakaSirayeli bazisa ke kuYehova umnikelo wokuqhutywa yintliziyo; nawo onke amadoda nabafazi bonke bantliziyo zabaqhubayo ukuyizisela yonke imisebenzi awawisa umthetho uYehova ngesandla sikaMoses, ukuba yenziwe.
-
30
|Éxodo 35:30|
Wathi uMoses koonyana bakaSirayeli, Khangelani, UYehova umbize ngegama uBhetsaleli, unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7