-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Éxodo 36:1|
Bosebenza ke ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, awanikeleyo uYehova ubulumko nengqondo, ukuba akwazi ukusebenza yonke imisebenzi yenkonzo yengcwele, nento yonke abewise umthetho ngayo uYehova.
-
2
|Éxodo 36:2|
UMoses wabiza ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, antliziyo uYehova wazinikayo ubulumko, onke antliziyo yawavuselelayo ukusondela emsebenzini, ukuba awenze.
-
3
|Éxodo 36:3|
Bathabatha, ebusweni bukaMoses, yonke imirhumo ababeyizisile oonyana bakaSirayeli emsebenzini wenkonzo yengcwele ukuba yenziwe. Baye bona bezisa kuye imiso ngemiso iminikelo yokuqhutywa yintliziyo.
-
4
|Éxodo 36:4|
Zeza ke zonke izilumko ezibe ziyisebenza yonke imisebenzi yengcwele, saseso savela emsebenzini waso esibe siwusebenza;
-
5
|Éxodo 36:5|
zatsho kuMoses ukuthi, Abantu bazisa ngaphezulu kakhulu kokwanele ukusetyenzwa komsebenzi, awise umthetho ngawo uYehova ukuba wenziwe.
-
6
|Éxodo 36:6|
Wawisa umthetho uMoses, ukuba kuhanjiswe ilizwi eminqubeni, lisithi, Amadoda nabafazi mabangabi senza mpahla yamrhumo wengcwele. Bapheza ke abantu ukuzisa.
-
7
|Éxodo 36:7|
Impahla yazanela izinto zonke, emisebenzini yonke, ukubabayenze, yada yasala.
-
8
|Éxodo 36:8|
Bonke abantliziyo zilungileyo, phakathi kwabenza imisebenzi, bawenza umnquba, amalengalenga aba lishumi, ngelinen ecikizekileyo ephothiweyo, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, benza iikerubhi, umsebenzi wengcibi yokuluka.
-
9
|Éxodo 36:9|
Ubude belengalenga lilinye baba ziikubhite ezimashumi mabini anesibhozo, ububanzi belengalenga lilinye baba ziikubhite ezine, amalengalenga alingana onke.
-
10
|Éxodo 36:10|
Bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye; bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3