-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Éxodo 3:11|
Wathi uMoses kuThixo, Ndingubani na ukuba ndingade ndiye kuFaro, ukuba ndibakhuphe eYiputa oonyana bakaSirayeli?
-
12
|Éxodo 3:12|
Wathi, Ndiya kuba nawe. Nangu umqondiso wokuba ndikuthumile mna: ekubakhupheni kwakho abantu eYiputa, niya kumkhonza uThixo kule ntaba.
-
13
|Éxodo 3:13|
Wathi uMoses kuThixo, Uyabona, ukuba ndiya koonyana bakaSirayeli, ndithi kubo, UThixo wooyihlo undithumile kuni, baze bathi kum, Ngubani na igama lakhe? ndothini na kubo?
-
14
|Éxodo 3:14|
Wathi uThixo kuMoses, Ndinguye eNdinguye. Wathi, Wotsho koonyana bakaSirayeli ukuthi, uNdinguye undithumile kuni.
-
15
|Éxodo 3:15|
Waphinda wathi uThixo kuMoses, Wothi koonyana bakaSirayeli, UYehova, uThixo wooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi, undithumile kuni: ligama lam elo ngonaphakade, sisikhumbuzo sam eso kwizizukulwana ngezizukulwana.
-
16
|Éxodo 3:16|
Yiya uhlanganise amadoda amakhulu akwaSirayeli, uthi kuwo, UYehova, uThixo wooyihlo, uThixo ka-Abraham, kaIsake kaYakobi, ubonakele kum, wathi, Ndinivelele nina, naloo nto niyenziweyo eYiputa.
-
17
|Éxodo 3:17|
Ndathi, Ndiya kuninyusa niphume ezintsizini zaseYiputa, niye ezweni lamaKanan, namaHiti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, ezweni elibaleka amasi nobusi.
-
18
|Éxodo 3:18|
Boliphulaphula ilizwi lakho; uze uye ke wena namadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani waseYiputa, nithi kuye, UYehova uThixo wamaHebhere uhlangene nathi; ngoku makhe sihambe entlango uhambo lweentsuku ezintathu, sibingelele kuYehova uThixo wethu.
-
19
|Éxodo 3:19|
Ke mna ndiyazi, ukuba ukumkani waseYiputa akayi kunivumela ukuba nihambe, nokuba sekungesandla esithe nkqi.
-
20
|Éxodo 3:20|
Ndiya kusolula isandla sam, ndiyibethe iYiputa ngemisebenzi yam yonke ebalulekileyo, endiya kuyenza phakathi kwayo, andule ke ukunindulula.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40