-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Éxodo 40:31|
Bazihlamba ooMoses noAron noonyana bakhe izandla zabo neenyawo zabo khona.
-
32
|Éxodo 40:32|
Ekungeneni kwabo ententeni yokuhlangana, nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, bahlamba, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
-
33
|Éxodo 40:33|
Wayimisa intendelezo ejikeleza umnquba lo nesibingelelo esi, wasixhoma isisitheliso sesango lentendelezo. Wawugqiba ke uMoses umsebenzi.
-
34
|Éxodo 40:34|
Ilifu layigubungela intente yokuhlangana, ubuqaqawuli bukaYehova bawuzalisa umnquba.
-
35
|Éxodo 40:35|
UMoses akaba nakungena ententeni yokuhlangana, ngokuba ilifu lahlala phezu kwayo, ubuqaqawuli bukaYehova bawuzalisa umnquba.
-
36
|Éxodo 40:36|
Belisithi lakunyuswa lisuswe ilifu emnqubeni, banduluke oonyana bakaSirayeli, benjenjalo ekundulukeni kwabo konke.
-
37
|Éxodo 40:37|
Ke xa ilifu belingekanyuswa, bebenganduluki kude kube yimini yokunyuswa kwalo;
-
38
|Éxodo 40:38|
kuba ilifu likaYehova beliba phezu komnquba emini, umlilo ube phezu kwawo ebusuku, phambi kwendlu yonke kaSirayeli, ekundulukeni kwabo konke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10