-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
26
|Éxodo 16:26|
Noyibutha imihla emithandathu; ngomhla wesixhenxe yisabatha; ayi kubakho ngawo.
-
27
|Éxodo 16:27|
Kuthe ngomhla wesixhenxe, kwaphuma inxenye yabantu, yaya kubutha, ayafumana nto.
-
28
|Éxodo 16:28|
Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na, ningavumi ukuyigcina imithetho yam nemiyalelo yam?
-
29
|Éxodo 16:29|
Niyabona ke, uYehova uninike isabatha; kungenxa yoko athe ngomhla wesithandathu waninika isonka semihla emibini. Hlalani elowo endaweni yakhe; makungaphumi mntu endaweni yakhe ngomhla wesixhenxe.
-
30
|Éxodo 16:30|
Baye bephumla ke abantu ngomhla wesixhenxe.
-
31
|Éxodo 16:31|
Indlu kaSirayeli yathi igama lale nto yimana. Yayinjengembewu yekoriyandire, imhlophe, isongo sayo sinjengezonkana ezinobusi.
-
32
|Éxodo 16:32|
Wathi uMoses, Nantsi into awise umthetho ngayo uYehova: zalisani ihomere ngayo, igcinelwe izizukulwana zenu, ukuze zisibone isonka endinidlise sona entlango, ekunikhupheni ezweni laseYiputa.
-
33
|Éxodo 16:33|
Wathi uMoses kuAron, Thabatha isitya sibe sinye, ugalele ihomere kuso sizale yimana, uyibeke phambi koYehova, igcinelwe izizukulwana zenu;
-
34
|Éxodo 16:34|
igcinwe njengoko uYehova wamwisela uMoses umthetho ngako. Wayibeka uAron phambi kwesingqino, ukuba igcinwe.
-
35
|Éxodo 16:35|
Bayidla oonyana bakaSirayeli imana iminyaka emashumi mane, bada bafika ezweni elimiweyo; bayidla imana bada bafika emdeni welizwe lakwaKanan
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10