-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
28
|Éxodo 25:28|
uzenze izibonda ezo ngomngampunzi, uzaleke ngegolide, ithwalwe ngazo itafile.
-
29
|Éxodo 25:29|
Uze wenze izitya zayo, neenkamba zayo, neendebe zayo, nemicephe yayo ekuya kuthungwa ngayo; uzenze ngegolide ecocekileyo;
-
30
|Éxodo 25:30|
ubeke etafileni izonka zokubonisa, phambi kwam ngamaxesha onke.
-
31
|Éxodo 25:31|
Uze wenze nesiphatho sezibane ngegolide ecocekileyo. Ukusenza, wosikhanda isiphatho eso: isikhondo saso, nesibili saso, neendebe zaso, namaqhina aso, neentyantyambo zaso zivele kwakuso;
-
32
|Éxodo 25:32|
amasebe amathandathu avele emacaleni aso; amasebe amathathu esiphatho avele kweli icala laso, amasebe amathathu esiphatho avele kweliya icala laso.
-
33
|Éxodo 25:33|
Zoba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina neentyantyambo, kweli isebe; neendebe ezintathu ezifana neentyantyambo zeamangile, zibe zinamaqhina neentyantyambo, kweliya isebe; makube njalo kumasebe omathandathu avela esiphathweni eso.
-
34
|Éxodo 25:34|
Zoba ne iindebe esiphathweni, ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina aso neentyantyambo zaso;
-
35
|Éxodo 25:35|
ibe liqhina phantsi kwamasebe omabini livele kuso, ibe liqhina phantsi kwamasebe amabini livele kuso, ibe liqhina phantsi kwamasebe amabini livele kuso, abe ngawamasebe amathandathu avelayo esiphathweni eso.
-
36
|Éxodo 25:36|
Amaqhina awo, namalungu awo avele kuso, sonke siphela masibe ngumkhando omnye wegolide ecocekileyo.
-
37
|Éxodo 25:37|
Uze wenze izibane zaso zibe sixhenxe, uzimise izibane zaso, zikhanyisele icala elikhangelene nomphambili waso.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10