-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Éxodo 27:11|
Kananjalo ngecala lasentla, ebudeni makubekho amawunduwundu aziikubhite ezilikhulu ubude bawo, neentsika zalo ezimashumi mabini, neziseko zaso ezimashumi mabini, izezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo ibe yeyesilivere.
-
12
|Éxodo 27:12|
Ububanzi bentendelezo ngecala lasentshonalanga boba ngamawunduwundu aziikubhite ezimashumi mahlanu. Iintsika zawo zoba lishumi, neziseko zazo zibe lishumi.
-
13
|Éxodo 27:13|
Ububanzi bentendelezo ngecala lempumalanga ngasempumalanga boba ziikubhite ezimashumi mahlanu.
-
14
|Éxodo 27:14|
Amawunduwundu ngelinye icala lesango oba ziikubhite ezilishumi elinantlanu, iintsika zawo zibe ntathu, neziseko zazo zibe zithathu;
-
15
|Éxodo 27:15|
amawunduwundu ngelinye icala lesango abe ziikubhite ezilishumi elinantlanu; iintsika zawo zibe ntathu, neziseko zazo zibe zithathu.
-
16
|Éxodo 27:16|
Esangweni lentendelezo soba sisisitheliso seekubhite ezimashumi mabini semisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi oyimfakamfele womluki. Iintsika zazo zoba ne, neziseko zaso zibe zine.
-
17
|Éxodo 27:17|
Zonke iintsika zentendelezo eziyijikelezileyo zoba neminqiwu yesilivere; amagwegwe ayo abe ngawesilivere, neziseko zazo zibe zezobhedu.
-
18
|Éxodo 27:18|
Ubude bentendelezo boba ziikubhite ezilikhulu; ububanzi buhambe buba ngamashumi omahlanu, amashumi omahlanu; ukuphakama kube ziikubhite ezintlanu zelinen ecikizekileyo, ephothiweyo; iziseko zazo zibe zezobhedu.
-
19
|Éxodo 27:19|
Zonke iimpahla zomnquba, ekusetyenzweni kwawo konke, nezikhonkwane zawo zonke, nezikhonkwane zonke zentendelezo, zoba zezobhedu.
-
20
|Éxodo 27:20|
Oonyana bakaSirayeli maze ubawisele umthetho wokuba bakuzisele ioli eqaqambileyo yemingquma engqushiweyo, yesikhanyiso, ukuba bamise isibane samaxesha onke,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10