-
-
Xhosa
-
-
1
|Josué 13:1|
Ke kaloku uYoshuwa wayeseleyinoda enkulu, eselekhulile; wathi uYehova kuye, Wena useluyindoda enkulu, uselukhulile; ke ilizwi elisaseleyo lokuhluthwa liselininzi kunene.
-
2
|Josué 13:2|
Lilo eli ilizwe elisaseleyo: yonke imimandla yamaFilisti, neyamaGeshuri onke,
-
3
|Josué 13:3|
ithabathela eShihore ephambi kweYiputa, ise emdeni wase-Ekron ngasentla ebalelwa kwakumaKanan; eyezikhulu zozihlanu zamaFilisti: eyabaseGaza, neyabaseAshdode, neyabaseAshkelon, neyabaseGati, neyabase-Ekron, neyabaseAvi ngasezantsi;
-
4
|Josué 13:4|
lonke ilizwe lamaKanan, nomqolomba ongowamaTsidon, lise eAfeka, lise emdeni wama-Amori;
-
5
|Josué 13:5|
nelizwe lamaGebhali, neLebhanon yonke ngasempumalanga, lithabathela eBhahali-gadi phantsi kwentaba yeHermon, ude uye eHamati;
-
6
|Josué 13:6|
bonke abemi beentaba, kuthabathela eLebhanon kuse eMisrefoti-mayim, onke amaTsidon; endiya kubagqogqa phambi koonyana bakaSirayeli. Wothi ke wena ulabele amaSirayeli ngeqashiso ukuba libe lilifa, njengoko ndakuwiselayo umthetho.
-
7
|Josué 13:7|
Ke ngoko labe eli lizwe libe lilifa kwezizwe ezisithoba, nakwesiqingatha sesizwe sakwaManase,
-
8
|Josué 13:8|
esilifa inxenye yaso salizuza kunye namaRubhen namaGadi, awawanikayo uMoses phesheya kweYordan ngasempumalanga, njengoko abemnikile uMoses umkhonzi kaYehova:
-
9
|Josué 13:9|
lithabathela eArohere, engasemlanjeni oyiArnon, nomzi ophakathi kwesihlambo eso, nehewu lonke laseMedebha, lise eDibhon;
-
10
|Josué 13:10|
nemizi yonke kaSihon ukumkani wama-Amori, obephethe ubukumkani eHeshbhon, lise emdeni woonyana baka-Amon;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10