-
-
Xhosa
-
-
1
|Josué 7:1|
Ke kaloku oonyana bakaSirayeli benza ubumenemene entweni esingelwe phantsi. UAkan, unyana kaKarmi, unyana kaZabhedi, unyana kaZera, wesizwe sakwaYuda, wathabatha entweni esingelwe phantsi. Wavutha ke umsindo kaYehova konyana bakaSirayeli.
-
2
|Josué 7:2|
UYoshuwa wasusa amadoda eYeriko ukuba aya eAyi, engaseBhetaven, ngasempumalanga eBheteli, wathi kuwo, Nyukani nilihlole ilizwe. Anyuka ke amadoda lawo, ayihlola iAyi.
-
3
|Josué 7:3|
Abuyela kuYoshuwa, athi kuye, Mabangenyuki bonke abantu; makunyuke amadoda amayela kumawaka amabini, nokuba ngamadoda amayela kumawaka amathathu, ayichithe iAyi. Musa ukubadinisa bonke abantu ngokubasa khona; kuba abaa bantu bambalwa.
-
4
|Josué 7:4|
Kwenyuka ke kwaya khona kubantu amadoda amayela kumawaka amathathu; esuka asaba phambi kwamadoda aseAyi.
-
5
|Josué 7:5|
Amadoda aseAyi abulala kuwo amadoda amayela kumashumi amathathu anamathandathu, awasukela phambi kwesango, kwesa eShebharim, awabulala ethambekeni. Yanyibilika intliziyo yabantu, yaba ngamanzi.
-
6
|Josué 7:6|
Wazikrazula ke uYoshuwa iingubo zakhe, wawa ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova kwada kwahlwa, yena namadoda amakhulu akwaSirayeli, bagalela uthuli phezu kweentloko.
-
7
|Josué 7:7|
Wathi uYoshuwa, Awu, Nkosi, Yehova, yini na ukuba aba bantu ubaweze iYordan, usinikele esandleni sama-Amori ukuba asibhubhise? Akwaba kanye bekukholekile kuthi ukuhlala phesheya kweYordan!
-
8
|Josué 7:8|
Camagu, Nkosi yam, Ndiya kuthini na emveni kokuba amaSirayeli ezinikele ikhosi iintshaba zawo!
-
9
|Josué 7:9|
Aya kuva amaKanan, nabemi bonke belizwe, asirhawule, alicime igama lethu ehlabathini. Wenze ntoni na ke kwigama lakho elikhulu?
-
10
|Josué 7:10|
Wathi uYehova kuYoshuwa, Vuka! Uweleni na ngobuso?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10