-
-
Xhosa
-
-
11
|Josué 7:11|
Onile amaSirayeli; ewe, awugqithile umnqophiso wam endawawisela umthetho ngawo; ewe, athabathile entweni esingelwe phantsi; ebile, akhanyele, ewe, ayibeke ezimpahleni zawo.
-
12
|Josué 7:12|
Ababa nako ke oonyana bakaSirayeli ukuma phambi kweentshaba zabo, bazinikela ikhosi iintshaba zabo, ngokuba bebeyinto esingelwe phantsi. Andiyi kuphinda ndibe nani, ukuba ayithange itshatyalaliswe into esingelwe phantsi phakathi kwenu.
-
13
|Josué 7:13|
Vuka, ubangcwalise abantu, uthi, Zingcwaliseleni ingomso; ngokuba utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Kukho nto isingelwe phantsi phakathi kwakho, Sirayeli; akunako ukuma phambi kweentshaba zakho, nide niyisuse into esingelwe phantsi phakathi kwenu.
-
14
|Josué 7:14|
Ize nisindele kusasa ngokwezizwe zenu, isizwe athe wacisha sona uYehova sisondele ngokwezindlu zaso; indlu athe wacisha yona uYehova isondele ngokwamadoda ayo;
-
15
|Josué 7:15|
ithi leyo kucishwe yona inento esingelwe phantsi, itshiswe ngomlilo, nezinto zonke enazo; ngokuba iwugqithile umnqophiso kaYehova, nangokuba yenze ubudenge kwaSirayeli.
-
16
|Josué 7:16|
Wavuka uYoshuwa kusasa ngengomso, wawasondeza amaSirayeli ngokwezizwe zawo, kwacishwa isizwe sakwaYuda;
-
17
|Josué 7:17|
wayisondeza imizalwane yakwaYuda, kwacishwa umzalwane wakwaZera; wawusondeza umzalwane wakwaZera ngokwamadoda awo, kwacishwa uZabhedi;
-
18
|Josué 7:18|
wayisondeza indlu yakhe ngokwamadoda ayo, kwacishwa uAkan, unyana kaKarmi, unyana kaZabhedi, unyana kaZera, wesizwe sakwaYuda.
-
19
|Josué 7:19|
Wathi uYoshuwa kuAkan, Nyana wam, mzukisi uYehova uThixo kaSirayeli, umdumise; khawundixelele into oyenzileyo; musa ukukhanyela kum.
-
20
|Josué 7:20|
UAkan wamphendula uYoshuwa, wathi, Okunene ndonile kuYehova uThixo kaSirayeli, ndenjenje, ndenjenje:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4