-
-
Xhosa
-
-
1
|Josué 6:1|
Ke iYeriko ibihleli ivaliwe ngenxa yoonyana bakaSirayeli; akwabakho uphumayo, akwabakho ungenayo.
-
2
|Josué 6:2|
Wathi uYehova kuYoshuwa, Khangela, ndiyinikele esandleni sakho iYeriko, nokumkani wayo, namagorha anobukroti,
-
3
|Josué 6:3|
Nowujikeleza umzi nonke, nina madoda okulwa, niwuzunguleze umzi isihlandlo sibe sinye; wenjenjalo imihla emithandathu.
-
4
|Josué 6:4|
Ke isixhenxe sababingeleli sophatha izigodlo ezisixhenxe zokuhlaba umkhosi phambi kwetyeya. Nowujikeleza umzi ngomhla wesixhenxe izihlandlo zibe sixhenxe, ababingeleli baquphe ukuvuthela ngezigodlo.
-
5
|Josué 6:5|
Kothi ke, ekoluleni ukuvuthela ngesigodlo sokuhlaba umkhosi, ekusiveni kwenu isandi sesigodlo, badume ngokuduma okukhulu bonke abantu, luwe udonga lomzi luthi bhuma, benyuke ke abantu, elowo athi ngqo malunga naye.
-
6
|Josué 6:6|
UYoshuwa, unyana kaNun, wababiza ababingeleli, wathi kubo, Thwalani ityeya yomnqophiso, ababingeleli abasixhenxe baphathe izigodlo ezisixhenxe zokuhlaba umkhosi phambi kwetyeya kaYehova.
-
7
|Josué 6:7|
Bathi ebantwini, Dlulani niwujikeleze umzi, abaxhobileyo bagqithele phambi kwetyeya kaYehova.
-
8
|Josué 6:8|
Kwathi, xenikweni uYoshuwa abetshilo ebantwini, ababingeleli abasixhenxe, abaphethe izigodlo ezisixhenxe zokuhlaba umkhosi phambi koYehova, bagqitha, baqupha ukuvuthela ngezigodlo, ityeya yomnqophiso kaYehova ibalandela.
-
9
|Josué 6:9|
Abaxhobileyo bahamba phambi kwababingeleli abaquphayo ukuvuthela ngezigodlo; abasemva belandela ityeya, kuhanjwa kuqutshwa ukuvuthela ngezigodlo.
-
10
|Josué 6:10|
UYoshuwa wabawisela umthetho abantu, wathi, Ize ningadumi, ningalivakalisi ilizwi lenu, kungaphumi nto emlonyeni wenu, kude kube yimini endothi kuni, Dumani; nidume ke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10