-
-
Xhosa
-
-
11
|Josué 6:11|
Ityeya ke kaYehova yawujikeleza umzi, yawuzunguleza isihlandlo sasinye; bangena eminqubeni, balala eminqubeni.
-
12
|Josué 6:12|
UYoshuwa wavuka kwakusasa ngengomso; bayithwala ababingeleli ityeya kaYehova.
-
13
|Josué 6:13|
Ababingeleli abasixhenxe, abaphethe izigodlo ezisixhenxe zokuhlaba umkhosi phambi kwetyeya kaYehova, bamana behamba, bevuthela ngezigodlo, bequpha; nabaxhobileyo behamba phambi kwabo; nabasemva belandela ityeya kaYehova, kuhanjwa kuvuthelwa ngezigodlo kuqutshwa.
-
14
|Josué 6:14|
Bawujikeleza muzi ngomhla wesibini isihlandlo sasinye, babuyela eminqubeni. Benjenjalo ke imihla yamithandathu.
-
15
|Josué 6:15|
Kwathi ngomhla wesixhenxe, bavuka kusasa ngesifingo, bawujikeleza umzi kwangolo hlobo izihlandlo zasixhenxe; kungaloo mini yodwa abawujikelezayo umzi izihlandlo zasixhenxi.
-
16
|Josué 6:16|
Kwathi ngesihlandlo sesixhenxe, ababingeleli ukuvuthela ngezigodlo baqupha. Wathi ke uYoshuwa ebantwini, Dumani, kuba uYehova uninikile lo mzi.
-
17
|Josué 6:17|
Lo mzi woba yinto esingelwe phantsi kuYehova, wona nento yonke ekuwo; kuphela nguRahabhi ihenyukazi yedwa owodla ubomi, yena nento yonke ekuye endlwini yakhe; ngokuba wabazimeza abathunywa esabathumayo.
-
18
|Josué 6:18|
Kodwa ke zigcineni entweni esingelwe phantsi, hleze nani nizisingele phantsi ngokuthabatha entweni entweni esingelwe phantsi, niwenze umzi wakwaSirayeli ube yinto esingelwe phantsi, niwuhlisele ishwangusha.
-
19
|Josué 6:19|
Ke yona yonke isilivere, negolide, nempahla yobhedu, neyesinyithi, iyingcwele kuYehova; yongena ebuncwaneni bukaYehova.
-
20
|Josué 6:20|
Baduma ke abantu ukuvuthela ngezigodlo bequpha; kwathi, bakusiva abantu isandi sesigodlo, baduma abantu ngoduduma okukhulu, lwawa udonga lwathi bhuma. Benyuka abantu kuwo umzi, elowo wathi ngqo, bawuthimba umzi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10