-
-
Xhosa
-
-
1
|Josué 16:1|
Laphuma iqashiso noonyana bakaYosefu, lathabathela eYordan malunga neYeriko ngasemanzini aseYeriko ngasempumalanga, kwintlango enyuka eYeriko, eya ezintabeni ngaseBheteli.
-
2
|Josué 16:2|
Waphuma umda eBheteli, wasinga eLuzi, wegqitha waya emdeni wama-Arki eAtaroti; wehla waya entshonalanga emdeni wamaYafeleli,
-
3
|Josué 16:3|
wesa emdeni weBhete-horon yasezantsi, wesa eGezere; ukuma kwawo waya wema ngolwandle.
-
4
|Josué 16:4|
Balabelwa ke ilifa labo oonyana bakaYosefu, uManase noEfrayim.
-
5
|Josué 16:5|
Umda woonyana bakaEfrayim wenjenje: umda welifa labo ngasempumalanga wayiAtaroti-adare, wesa eBhete-horon engasentla;
-
6
|Josué 16:6|
waphuma umda waya elwandle, eMikemetati ngasentla; wajika umda waya empumalanga eTahanati-shilo, wegqitha khona ngasempumalanga eYanowa;
-
7
|Josué 16:7|
wehla eYanowa waya eAtaroti, naseNaharati, weza eYeriko, wema ngeYordan;
-
8
|Josué 16:8|
umda wesuka eTapuwa waya entshonalanga, eMlanjaneni weeNgcongolo; nokuma kwawo waya wema ngolwandle. Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaEfrayim ngokwemizalwane yabo;
-
9
|Josué 16:9|
nemizi leyo yahlulelwa oonyana bakaEfrayim yayiphakathi kwelifa loonyana bakaManase; yonke imizi yayinemizana yayo.
-
10
|Josué 16:10|
Abawagqogqanga amaKanan abemi eGezere. Ema amaKanan phakathi kwamaEfrayim unanamhla, akhonza efakwa uviko.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10