-
-
Xhosa
-
-
1
|Josué 15:1|
Ke kaloku iqashiso lwesizwe soonyana bakaYuda, ngokwemizalwane yabo, lasinga emdeni wakwaEdom, entlango yeTsin ngasezantsi, ekupheleni komzantsi.
-
2
|Josué 15:2|
Umda wabo wasezantsi wathabathela ekupheleni koLwandle lweTyuwa, encamini ebheka ezantsi.
-
3
|Josué 15:3|
Waphuma, wasinga ngezantsi ekunyukeni kweAkrabhim, wegqitha waya eTsin, wenyuka waya ngasezantsi kweKadeshe-bharneha, wegqitha waya eHetseron, wenyuka waya eAdare, wajika waya eKarka;
-
4
|Josué 15:4|
wegqitha waya eAtsemon, wema ngomlanjana waseYiputa, ukuma komda wema ngolwandle. Nguwo lowo umda wenu wangasezantsi.
-
5
|Josué 15:5|
Umda wasempumalanga luLwandle lweTyuwa, use ekupheleni kweYordan. Umda wecala langasentla wathabathela encamini yolwandle, ekupheleni kweYordan;
-
6
|Josué 15:6|
wenyuka umda waya eBhete-hogela, wegqitha waya emantla eBhete-arabha, wajika umda waya etyeni likaBhohan unyana kaRubhen.
-
7
|Josué 15:7|
Wenyuka umda waya eDebhiri, uvela entilini yeAkore, wabheka entla eGiligali, malunga nokunyuka kweAdumin ngasezantsi komlanjana; wegqitha apho waya emanzini ase-En-shemeshe, ukuma kwawo wema nge-En-rogele.
-
8
|Josué 15:8|
Wenyuka umda ngomfula woonyana bakaHinom, waya egxalabeni lowamaYebhusi ngasezantsi: yiYerusalem ke leyo; wenyuka umda waya encotsheni yentaba ephambi komfula wakwaHinom, ngasentshonalanga, osekuphekeni kwentili yamaRafa ngasentla.
-
9
|Josué 15:9|
Wahlaba umda, wathabathela encotsheni yentaba, waya emthonjeni wamanzi aseNefetowa, waphuma waya emizini yasentabeni kaEfron, wahlaba waya eBhahala: yiKiriyati-yeharim ke leyo.
-
10
|Josué 15:10|
Wajika umda eBhahala ngasentshonalanga, waya entabeni yakwaSehire, wegqitha waya egxalabeni leHar-yeharim ngasentla: yiKesalon ke leyo; wehla waya eBhete-shemeshe, wegqitha waya eTimna.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7