-
-
Xhosa
-
-
11
|Josué 17:11|
KwaIsakare nakwa-Ashere uManase waba neBhete-shehan namagxamesi ayo, neIbleyam namagxamesi ayo, nabemi baseDore namagxamesi ayo, nabemi base-Endore namagxamesi ayo, nabemi baseTahanaki namagxamesi ayo, nabemi baseMegido namagxamesi ayo, ummandla onduli zintathu.
-
12
|Josué 17:12|
Babengenako oonyana bakaManase akuyihlutha loo mizi; amaKanan akuphikela ukuma lwelo zwe.
-
13
|Josué 17:13|
Kwathi, bakomelela oonyana bakaSirayeli, bawafaka uviko amaKanan, abawagqogqa kuphele.
-
14
|Josué 17:14|
Bathetha oonyana bakaYosefu noYoshuwa, besithi, Yini na ukuba usinike ilifa laqashiso linye, nasabelo sinye, singabantu abaninzi nje, esisikelele nje uYehova kangakanana unangoku?
-
15
|Josué 17:15|
Wathi uYoshuwa kubo, Ukuba ningabantu abaninzi, nyukani niye emahlathini, nizihlahlele ezweni lamaPerizi nelamaRafa, xa kuxineneyo kuni ezintabeni zakwaEfrayim.
-
16
|Josué 17:16|
Bathi oonyana bakaYosefu, Ilizwe eli leentaba alisilingene; ke ziinqwelo zesinyithi kumaKanan onke amiyo ezweni lamathafa aseBhete-shehan namagxamesi ayo, kwanasemathafeni aseYizereli.
-
17
|Josué 17:17|
Wathi uYoshuwa kwindlu kaYosefu, kuEfrayim nakuManase, Ningabantu abaninzi, ninamandla amakhulu; aliyi kuba linye iqashiso lenu;
-
18
|Josué 17:18|
kuba eleentaba liya kuba lelenu, ngokuba lingamahlathi. Nowa hlahla, iinyele zawo zibe zezenu; kuba niya kuwagqogqa amaKanan, nakuba eneenqwelo zesinyithi, nakuba omelele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 4-5