-
-
Xhosa
-
-
21
|Josué 24:21|
Bathi abantu kuYoshuwa, Hayi, siya kukhonza uYehova thina.
-
22
|Josué 24:22|
Wathi uYoshuwa kubo abantu, Ningamangqina ngakuni, ukuba nina nizinyulele uYehova ukuba nimkhonze. Bathi, Singamangqina.
-
23
|Josué 24:23|
Wathi, basuseni ngoko oothixo bolunye uhlanga abaphakathi kwenu, nimthobele ngeentliziyo zenu uYehova, uThixo kaSirayeli.
-
24
|Josué 24:24|
Bathi abantu kuYoshuwa, Siya kukhonza uYehova uThixo wethu, siliphulaphule ilizwi lakhe.
-
25
|Josué 24:25|
UYoshuwa wenza ke umnqophiso nabantu ngaloo mhla; wabamisela imimiselo namasiko kwaShekem.
-
26
|Josué 24:26|
Wawabhala uYoshuwa la mazwi encwadini yomyalelo kaThixo, wathabatha ilitye elikhulu, walimisa khona phantsi komoki osendaweni engcwele kaYehova.
-
27
|Josué 24:27|
Wathi uYoshuwa kubo bonke abantu, Yabonani, eli litye liya kuba lingqina ngathi; ngokuba liwavile lona onke amazwi kaYehova, awathethileyo nathi; libe lingqina ngani, hleze nimkhanyele uThixo wenu.
-
28
|Josué 24:28|
Wabandulula ke uYoshuwa abantu; elowo waya elifeni lakhe.
-
29
|Josué 24:29|
Kwathi emveni koko, wafa uYoshuwa unyana kaNun, umkhonzi kaYehova, eminyaka ilikhulu elinashumi-nye ezelwe.
-
30
|Josué 24:30|
Bamngcwabela emdeni welifa lakhe, eTimnati-sera, kweleentaba lakwaEfrayim, entla kwentaba yaseGahashe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Crónicas 8-9