-
-
Xhosa
-
-
11
|Josué 3:11|
Nantso ityeya yomnqophiso weNkosi yehlabathi lonke, ingena phambi kwenu eYordan.
-
12
|Josué 3:12|
Zithabatheleni ngoko amadoda abe lishumi elinamabini kuzo izizwe zakwaSirayeli, indoda ibe nye, indoda ibe nye esizweni.
-
13
|Josué 3:13|
Kothi ke, xa zithe zamisa emanzini aseYordan iintende zeenyawo zababingeleli abathwele ityeya kaYehova, iNkosi yehlabathi lonke, asuke amanzi aseYordan anqamke, amanzi avela ngasintla eme, abe mfumba-nye.
-
14
|Josué 3:14|
Kwathi ke, ekundulukeni kwabantu ezintenteni zabo, ukuba bawele iYordan, nababingeleli bethwele ityeya yomnqophiso phambi kwabantu;
-
15
|Josué 3:15|
xa bafikayo eYordan abathwele ityeya xa zithi xumbu elunxwemeni lwamanzi iinyawo zababingeleli abathwele ityeya— iYordan izala ihamba ngaphandle kweendonga zayo zonke ngexesha lonke lokuvuna—
-
16
|Josué 3:16|
asuka ema amanzi avela ngasentla, aphakama aba mfumba-nye, kude kakhulu eAdam, umzi ongasecaleni leTsaretan; athi la ahlayo aya elwandle lweArabha, eLwandle lweTyuwa, anqamka aphela. Bawela ke abantu malunga neYeriko.
-
17
|Josué 3:17|
Ababingeleli abathwele ityeya yomnqophiso kaYehova bema bee bhuxe emhlabeni owomileyo phakathi kweYordan; awela onke amaSirayeli kowomileyo, lwada lwagqibela lonke uhlanga ukuwela iYordan.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7