-
-
Xhosa
-
-
11
|Josué 9:11|
Atsho kuthi amadoda amakhulu, nabemi bonke belizwe lakowethu, ukuthi, Phathani ezandleni zenu umphako wendlela, niye kuwakhawulela, nithi kuwo, Singabakhonzi benu; simiseleni ngoko umnqophiso.
-
12
|Josué 9:12|
Esi sisonka sethu sasenza umphako wethu sishushu ezindlwini zethu, ngomhla wokuphuma kwethu ekhaya ukuza kuni; ngoku nasi somile, singundile;
-
13
|Josué 9:13|
iintsuba ezi zewayini sazizalisa zisentsha; nanzi zikrazukile; nanzi neengubo zethu, neembadada zethu, zonakele ngobude bendlela.
-
14
|Josué 9:14|
Acaphula ke amadoda emphakweni wabo, akabuza cebo emlonyeni kaYehova.
-
15
|Josué 9:15|
Wenza uxolo nabo uYoshuwa, wabamisela umnqophiso wokubasindisa; zabafungela nezikhulu zalo ibandla.
-
16
|Josué 9:16|
Kwathi, ekupheleni kwemihla emithathu emveni kokuba bebamisele umnqophiso, beva ukuba bakufuphi kubo, nokuba bahleli kwaphakathi kwabo.
-
17
|Josué 9:17|
Banduluka oonyana bakaSirayeli, bafika emizini yabo ngomhla wesithathu. Imizi yabo yiGibheyon, neKefira, neBheroti, neKiriyati-yeharim.
-
18
|Josué 9:18|
Oonyana bakaSirayeli abababulala, ngokuba izikhulu zebandla zibe zifunge uYehova uThixo kaSirayeli kubo. Lazikrokrela izikhulu lonke ibandla.
-
19
|Josué 9:19|
Zathi zonke izikhulu kwibandla lonke, Thina sifunge uYehova uThixo kaSirayeli kubo, ke ngoko asinakubachukumisa.
-
20
|Josué 9:20|
Masenjenje kubo: masibasindise, kungabikho burhalarhume phezu kwethu ngenxa yesifungo esabafungela sona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7