-
-
Xhosa
-
-
11
|Jueces 11:11|
Wahamba ke uYifeta namadoda amakhulu aseGiliyadi; abantu bammisa phezu kwabo, waba yintloko nomphathi. Wawathetha uYifeta onke amazwi akhe phambi koYehova eMizpa.
-
12
|Jueces 11:12|
UYifeta wasusa abathunywa, baya kukumkani woonyana baka-Amon, wathi, Yintoni na enam nawe, uze kum nje ukuba ulwe nelizwe lam?
-
13
|Jueces 11:13|
Wathi ukumkani woonyana baka-Amon kubathunywa bakaYifeta, Kungokuba amaSirayeli alithabathayo ilizwe lam, ukunyuka kwawo eYiputa, athabathela eArnon, esa eYabhoki, esa eYordan; libuyise ngoxolo kalokunje.
-
14
|Jueces 11:14|
UYifeta waphinda wathuma abathunywa kukumkani woonyaka baka-Amon, wathi kuye,
-
15
|Jueces 11:15|
Utsho uYifeta ukuthi, AmaSirayeli akalithabathanga ilizwe lakwaMowabhi, nelizwe loonyana baka-Amon;
-
16
|Jueces 11:16|
ngokuba ekunyukeni kwawo eYiputa amaSirayeli ahamba ngentlango, eza eLwandle oluBomvu, eza eKadeshe;
-
17
|Jueces 11:17|
amaSirayeli athuma abathunywa kukumkani wakwaEdom, esithi, Makhe ndicande ezweni lakho. Ke ukumkani wakwaEdom akaphulaphulanga. Athuma nakukumkani wakwaMowabhi, naye akavumanga. Ahlala amaSirayeli eKadeshe.
-
18
|Jueces 11:18|
Ahamba entlango, alijikela ilizwe lakwaEdom nelizwe lakwaMowabhi, evela ekuphumeni kwelanga; aya ezweni lakwaMowabhi, amisa ngaphesheya kweArnon, akangena emdeni wakwaMowabhi, ngokuba iArnon ngumda wakwaMowabhi.
-
19
|Jueces 11:19|
AmaSirayeli athuma abathunywa kuSihon, ukumkani wama-Amori, ukumkani waseHeshbhon; athi amaSirayeli kuye, Makhe ndicande ezweni lakho, ndiye endaweni yam.
-
20
|Jueces 11:20|
Ke uSihon akakholwa ngamaSirayeli, ukuba acande emdeni wakhe. Wabahlanganisa uSihon bonke abantu bakhe, bamisa eYatsa, walwa namaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7