-
-
Xhosa
-
-
1
|Jueces 5:1|
Baza bavuma ooDebhora noBharaki, unyana ka-Abhinowam, ngaloo mini, besithi,
-
2
|Jueces 5:2|
Ngenxa yokukhokela kweenkokeli, Ngenxa yokuqhutywa kwabantu ziintliziyo zabo, Bongani uYehova.
-
3
|Jueces 5:3|
Yivani, bokumkani; bekani iindlebe, zidwangube; Mna lo ndiya kuvuma kuYehova, Ndiya kumbethela uhadi uYehova, uThixo kaSirayeli.
-
4
|Jueces 5:4|
Yehova, ekuphumeni kwakho kwaSehire, Ekunyalaseni kwakho, uvela emhlabeni wakwaEdom, Lanyikima ihlabathi, lavuza nalo izulu; Ewe, amafu avuza amanzi.
-
5
|Jueces 5:5|
Iintaba zazamazama phambi koYehova; ISinayi leya, phambi koYehova uThixo kaSirayeli.
-
6
|Jueces 5:6|
Ngemihla kaShamgare, umfo ka-Anati. Ngemihla kaYaheli, bezingahanjwa iindlela, Ababehamba ngeengqushu bahamba ngeendlela eziziphambusa.
-
7
|Jueces 5:7|
Ebengamiwa amaphandle kwaSirayeli, ebengamiwa, Ndada ndesuka, mna Debhora, Ndesuka ndaba ngunina kwaSirayeli.
-
8
|Jueces 5:8|
Kwakunyulwe oothixo abatsha, Kwaza kwayimfazwe emasangweni; Ingweletshetshe nomkhonto wawubonwa yini na, Phakathi kwamawaka amashumi mane akwaSirayeli?
-
9
|Jueces 5:9|
Intliziyo yam ingakubamisi-mthetho bakwaSirayeli, Ingakwabo baqhutywa yintliziyo yabo phakathi kwabantu; Bongani uYehova.
-
10
|Jueces 5:10|
Nina bakhwele ezimazini ezimhlophe zamaesile, Nina bahlala ezinkukweni, Nani bahamba ngendlela, camngcani.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7