-
-
Xhosa
-
-
1
|Jueces 17:1|
Kwaye kukho indoda yelasezintabeni zakwaEfrayim egama linguMika.
-
2
|Jueces 17:2|
Yathi kunina, Iwaka lesilivere elinakhulu-nye elalithatyathwe kuwe, owashwabula ngenxa yalo, kananjalo wathetha ngalo ezindlebeni zam, yabona, isilivere leyo inam; yathatyathwa ndim. Wathi unina, Usikelelwe, nyana wam, nguYehova.
-
3
|Jueces 17:3|
Walibuyisela kunina iwaka lesilivere elinakhulu-nye. Wathi unina, Ndiyingcwalisile yonke isilivere leyo kuYehova; iphuma esandleni sam ukuba ibe yeyonyana wam, enze umfanekiso oqingqiweyo nomtyhido; ndiyibuyisela kuwe ke ngoko.
-
4
|Jueces 17:4|
Wayibuyisela ke kunina isilivere. Wawathabatha unina amakhulu omabini esilivere, wawanika umnyibilikisi, wenza ngawo umfanekiso oqingqiweyo nomtyhido; waba sendlwini kaMika.
-
5
|Jueces 17:5|
Indoda leyo inguMika ibinendlu yoothixo, yayenze iefodi nemilondekhaya; yayimisele omnye koonyana bayo, waba ngumbingeleli wayo.
-
6
|Jueces 17:6|
Ngaloo mihla bekungekho kumkani kwaSirayeli; elowo wenza oko kuthe tye emehlweni akhe.
-
7
|Jueces 17:7|
Ke kaloku kwakukho umfana waseBhetelehem yakwaYuda, wasemlibeni wakwaYuda, ongumLevi, engumphambukeli khona.
-
8
|Jueces 17:8|
Yahamba indoda leyo, isuka kuloo mzi eBhetelehem yakwaYuda, yaya kuphambukela apho ingafumana indawo. Yafika kweleentaba lakwaEfrayim endlwini kaMika, ihamba uhambo lwayo.
-
9
|Jueces 17:9|
Wathi uMika kuyo, Uvela phi na? Yathi kuye, NdingumLevi waseBhetelehem yakwaYuda; ndiya kuphambukela apho ndingafumana indawo.
-
10
|Jueces 17:10|
Wathi uMika kuyo, Hlala nam, kum ube ngubawo nombingeleli; ndokunika mna ishumi lesilivere ngomnyaka, ndikuxhase ngento eziingubo nekukudla. Waya ke umLevi lowo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10