-
-
Xhosa
-
-
1
|Jueces 15:1|
Kwathi kwakuba ntsuku, ngemihla yokuvuna ingqolowa, uSamson wamvelela umkakhe, enetakane lebhokhwe; wathi, Ndiya kungena kumkam egumbini. Ke uyise womfazi ebengamvumeli ukuba angene.
-
2
|Jueces 15:2|
Wathi uyise womfazi, Bendiba umthiyile ngenene, ndamnika umlingane wakho. Akamhle na umsakwabo kunaye? Makabe ngowakho esikhundleni sakhe.
-
3
|Jueces 15:3|
Wathi uSamson kubo, Ndimsulwa okwesi sihlandlo kumaFilisti, xa ndithe ndenza ububi kuwo.
-
4
|Jueces 15:4|
Waya uSamson wabamba amakhulu omathathu eempungutye, wathabatha izikhuni ezivuthayo, waziqhagamshela ngemisila, wafaka isikhuni sasinye phakathi kwayo.
-
5
|Jueces 15:5|
Walumeka ngomlilo ezikhunini, wazindulula zaya engqoloweni yamaFilisti engekavunwa; watshisa, ethabathela ezitheni, wesa engqoloweni engekavunwa, wesa emiyezweni yeminquma.
-
6
|Jueces 15:6|
Athi amaFilisti, Ngubani na lo wenze oku? Bathi, NguSamson, umyeni womTimnata; ngokuba emthabathile umkakhe, wamnika umlingane wakhe. Enyuka amaFilisti, amtshisa yena noyise ngomlilo.
-
7
|Jueces 15:7|
Wathi uSamson kuwo, Ukuba nenjenje, inene, ndiya kuziphindezelela kuni, ndandule ukupheza.
-
8
|Jueces 15:8|
Wawaxabela kakhulu ihleza nethanga; wehla ke, wahlala emqhokrweni wengxondorha yase-Etam.
-
9
|Jueces 15:9|
Enyuka amaFilisti, amisa kwaYuda, akha uluhlu eLehi.
-
10
|Jueces 15:10|
Athi amadoda akwaYuda, Yini na ukuba ninyuke nize phezu kwethu? Athi wona, Sinyuke seza kukhonkxa uSamson, senze kuye njengoko enze ngako kuthi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10