-
-
Xhosa
-
-
1
|Jueces 16:1|
USamson waya eGaza, wabona khona inkazana elihenyukazi, wayilala.
-
2
|Jueces 16:2|
Kwathiwa kwabaseGaza, USamson ungene apha. Bamrhawula, bamlalela ubusuku bonke esangweni lomzi; bathi cwaka ubusuku bonke, besithi, Kwakusa ngomso sombulala.
-
3
|Jueces 16:3|
Walala uSamson kwada kwaba phakathi kobusuku. Wavuka phakathi kobusuku, wabambelela ezingcangweni zesango lomzi, nasemigubasini yomibini, wayincothula inomvalo; wayibeka emagxeni akhe, wayithwalela encotsheni yentaba phambi kweHebron.
-
4
|Jueces 16:4|
Kwathi emveni koko, wathanda inkazana esihlanjeni saseSoreki, igama layo linguDelila.
-
5
|Jueces 16:5|
Zenyuka zaya kuyo izikhulu zamaFilisti, zathi kuyo, Mrhwebeshe, ubone ukuba asenini na la mandla akhe angaka, nokuba singameyisa ngantoni na, simkhonkxe ukuze simthobe; sokunika thina elowo iwaka elinekhulu lesilivere.
-
6
|Jueces 16:6|
Wathi uDelila kuSamson, Khawundixelele ukuba asenini na la mandla akho angaka, nokuba ungakhonkxwa ngantoni na, ukuze uqotywe?
-
7
|Jueces 16:7|
Wathi uSamson kuye, Ukuba bathe bandibopha ngeentambo ezisixhenxe ezintsha ezingomanga, ndothi fehle, ndibe njengomnye umntu.
-
8
|Jueces 16:8|
Izikhulu zamaFilisti zenyuka, zamzisela iintambo ezisixhenxe ezintsha ezingomanga; wamkhonkxa ngazo.
-
9
|Jueces 16:9|
Ke abalaleli babehleli naye egumbini. Wathi umkakhe kuye, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wazijaca iintambo, kwanga kukujaceka kwentsontelo yeflakisi yakuva umlilo; akaziwa ke amandla akhe.
-
10
|Jueces 16:10|
Wathi uDelila kuSamson, Yabona, udlale ngam, wandixokisa; khawundixelele kaloku ukuba ungakhonkxwa ngantoni na.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7