-
-
Xhosa
-
-
11
|Jueces 5:11|
Kude nezwi lababi bamaxhoba, apho kukhiwa khona amanzi, Khona apho bobonga imisebenzi kaYehova yobulungisa, Imisebenzi yobulungisa awayenza emaphandleni akhe kwaSirayeli; Oko behla abantu bakaYehova, baya emasangweni.
-
12
|Jueces 5:12|
Vuka, vuka, Debhora! Vuka, vuka, hlaba ingoma! SukÂ’ ume, Bharaki, thimba abathinjwa bakho, nyana ka-Abhinowam.
-
13
|Jueces 5:13|
Yihlani ke, maqongqolo aziingangamsha, ningabantu; Yehova, ndihlele phakathi kwamagorha.
-
14
|Jueces 5:14|
Avela kwaEfrayim angcambu ikwa-Amaleki, Emva kwakho, Bhenjamin, phakathi kwezizwe zakowenu; Kwehla kwaMakire abamisi-mthetho, KwaZebhulon umqikela unomnqayi wombhali wempi.
-
15
|Jueces 5:15|
KwaIsakare abathetheli kunye noDebhora, NjengoIsakare, ukwanjalo uBharaki; Bagaleleka entilini, bamlandela. Emijelweni yakwaRubhen Yaba kukusongela okukhulu kwentliziyo.
-
16
|Jueces 5:16|
Ubuhlaleleni na phakathi kwezibaya, Uphulaphula amakhwelo emihlambini? Emijelweni yakwaRubhen Yaba kukugocagoca okukhulu kwentliziyo.
-
17
|Jueces 5:17|
UGiliyadi phesheya kweYordan walala, akalwa; UDan ke yena walibala yini na ngasezinqanaweni? UAshere wahlala ngaselunxwemeni lolwandle. Walala phantsi ngasemachwebeni alo, akalwa.
-
18
|Jueces 5:18|
AmaZebhulon ngabantu ababenza isichenge ubomi babo ekufeni, NamaNafetali, ezindaweni eziphakamileyo zelizwe.
-
19
|Jueces 5:19|
Kwafika ookumkani, balwa, Baza ookumkani bakwaKanan balwa ETahanaki, ngasemanzini aseMegido; Abathimba neqhosha lesilivere.
-
20
|Jueces 5:20|
Zalwa ezulwini, Zalwa iinkwenkwezi emendweni yazo noSisera.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3