-
-
Xhosa
-
-
11
|Jueces 14:11|
Kwathi, bakumbona, bazisa abalingane abangamashumi omathathu, baba naye.
-
12
|Jueces 14:12|
Wathi uSamson kubo, Ndonijikela iqhina; ukuba nithe nandicombululela ngeentsuku ezisixhenxe zomsitho, nalifumana, ndoninika iingubo zelinen entle ezingamashumi amathathu, neengubo zokukhululana ezingamashumi omathathu.
-
13
|Jueces 14:13|
Ke ukuba anithanga nibe nako ukundicombululela, nondinika nina iingubo zelinen entle ezingamashumi amathathu, neengubo zokukhululana ezingamashumi omathathu. Bathi kuye, Lijike iqhina lakho silive.
-
14
|Jueces 14:14|
Bathi kuye, Lijike iqhina lakho silive. Wathi kubo, Kodlayo kwaphuma ukudla, Konamandla kwaphuma incasa. Ababa nako ukulicombulula iqhina imihla emithathu.
-
15
|Jueces 14:15|
Kwathi ngosuku lwesixhenxe bathi kumkaSamson, Yirhwebeshe indoda yakho, isicombululele iqhina, hleze sikutshise wena nendlu kayihlo ngomlilo. Nisimemele ukuba nisihlwempuzise na? Akunjalo na?
-
16
|Jueces 14:16|
UmkaSamson wamlilela wathi, Kodwa undithiyile, akundithandi; ubajikele iqhina oonyana babantu bakowethu, akwandicombululela. Wathi kuye, Yabona, andibacombululelanga ubawo noma; ndicombululele wena na?
-
17
|Jueces 14:17|
Ke wamlilela iintsuku zosixhenxe ababesemsithweni ngazo. Kwathi ngolwesixhenxe usuku wamcombululela, kuba ebemxinile. Waza yena wabaxela oonyana babantu bakowabo.
-
18
|Jueces 14:18|
Athi kuye amadoda aloo mzi ngomhla wesixhenxe, lingekatshoni ilanga, Yintoni na enencasa ngaphezu kobusi? Yintoni na enamandla ngaphezu kwengonyama? Wathi kuwo, Ukuba beningalimanga ngethokazi lam, Ngeningalifumananga iqhina lam.
-
19
|Jueces 14:19|
Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova, wehla waya eAshkelon, wabulala kubo apho amashumi omathathu amadoda, wawahluba iingubo, wanika abacombululi beqhina elo iingubo zokukhululana. Wavutha umsindo wakhe, wenyuka waya endlwini kayise.
-
20
|Jueces 14:20|
Ke umkaSamson waba ngowomlingane wakhe, abemenze isihlobo sakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7