-
-
Xhosa
-
-
1
|Jueces 1:1|
Kwathi emva kokufa kukaYoshuwa, babuza oonyana bakaSirayeli kuYehova, besithi, Ngubani na oya kusiqalela ukunyuka aye kumaKanan, alwe nawo?
-
2
|Jueces 1:2|
Wathi uYehova, Konyuka uYuda: yabonani, ndilinikele ilizwe esandleni sakhe.
-
3
|Jueces 1:3|
Wathi uYuda kuSimon umkhuluwa wakhe, Nyuka nam, siye eqashisweni lam silwe namaKanan; nam ndoya nawe eqashisweni lakho. USimon wahamba naye ke.
-
4
|Jueces 1:4|
Wenyuka ke uYuda; uYehova wawanikela amaKanan namaPerizi esandleni sabo. Bawabulala eBhezeki amadoda angamawaka alishumi.
-
5
|Jueces 1:5|
UAdoni waseBhezeki bamfumana eBhezeki, balwa naye, bawabulala amaKanan namaPerizi.
-
6
|Jueces 1:6|
Wasaba uAdoni waseBhezeki; bamsukela, bambamba, bamnqumla oozithupha noobhontsi.
-
7
|Jueces 1:7|
Wathi uAdoni waseBhezeki, Ookumkani abamashumi asixhenxe babechola phantsi kwetafile yam, benqunyulwe oozithupha noobhontsi; njengoko ndenza ngako, wenjenjalo uThixo ukubuyekeza kum. Bamsa eYerusalem, wafela khona.
-
8
|Jueces 1:8|
Ke kaloku oonyana bakaYuda balwa neYerusalem, bayithimba, bayibulala ngohlangothi lwekrele, bathi umzi bawufaka umlilo.
-
9
|Jueces 1:9|
Behla emveni koko oonyana bakaYuda, baya kulwa namaKanan abehleli kweleentaba, nakwelasezantsi, nakweleentlambo.
-
10
|Jueces 1:10|
Waya uYuda kumaKanan abehleli eHebron; igama leHebron ngenxa engaphambili beliyiKiriyati ka-Arbha; babulala uSheshayi, noAhiman, noTalemayi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10