-
-
Xhosa
-
-
11
|Jueces 20:11|
Ahlanganisana ke onke amadoda akwaSirayeli kuloo mzi, ebandakanyiwe njengandoda-nye.
-
12
|Jueces 20:12|
Izizwe zakwaSirayeli zathuma amadoda kwimizalwane yonke yakwaBhenjamin, zisithi, Bububi buni na obu, benziweyo phakathi kwenu?
-
13
|Jueces 20:13|
Sinikeleni kalokunje loo madoda angamatshijolo aseGibheha, siwabulale, sibutshayele ububi bungabikho kwaSirayeli. Abavuma ke oonyana bakaBhenjamin ukuliphulaphula izwi labazalwana babo, oonyana bakaSirayeli.
-
14
|Jueces 20:14|
Oonyana bakaBhenjamin bahlanganisana eGibheha, bephuma emizini besiya kulwa noonyana bakaSirayeli.
-
15
|Jueces 20:15|
Babalwa oonyana bakaBhenjamin ngaloo mhla, bephuma emizini; baba ngamadoda angamashumi amabini anamathandathu amawaka arhola ikrele, ngaphandle kwabemi baseGibheha, ababalwayo baba ngamadoda ahleliweyo angamakhulu asixhenxe.
-
16
|Jueces 20:16|
Kwaba bantu bonke bekukho amakhulu asixhenxe amadoda ahleliweyo angamanxele, onke enokusawula ngelitye, achane angaphosi.
-
17
|Jueces 20:17|
Ke amadoda akwaSirayeli, ngaphandle kwamaBhenjamin, abebalwe aba ngamawaka angamakhulu amane amadoda arhola ikrele; onke lawo ingamadoda okulwa.
-
18
|Jueces 20:18|
Besuka, benyuka baya eBheteli, babuza kuThixo. Bathi oonyana bakaSirayeli, Makunyuke bani na kuthi, aqale ukulwa noonyana bakaBhenjamin? Wathi uYehova, Makuqale uYuda.
-
19
|Jueces 20:19|
Besuka oonyana bakaSirayeli kusasa, bayingqinga iGibheha.
-
20
|Jueces 20:20|
Aphuma amadoda akwaSirayeli, aya kulwa namaBhenjamin. Amadoda akwaSirayeli akha uluhlu lokulwa nawo ngaseGibheha.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10