-
-
Xhosa
-
-
11
|Jueces 3:11|
Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mane. Wafa uOteniyeli unyana kaKenazi.
-
12
|Jueces 3:12|
Ke kaloku oonyana bakaSirayeli baphinda benza ububi emehlweni kaYehova; uYehova wamomeleza uEglon ukumkani wakwaMowabhi, ukuba awachase amaSirayeli, ngenxa yokuba enze ububi emehlweni kaYehova.
-
13
|Jueces 3:13|
Wabahlanganisela kuye oonyana baka-Amon nama-Amaleki, waya wawabulala amaSirayeli, wawuhlutha uMzi wamaSundu.
-
14
|Jueces 3:14|
Oonyana bakaSirayeli bamkhonza uEglon, ukumkani wakwaMowabhi, iminyaka elishumi elinesibhozo.
-
15
|Jueces 3:15|
Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; wabavelisela umsindisi onguEhude, unyana kaGera, umBhenjamin, umfo olinxele. Bathumela oonyana bakaSirayeli ngesandla sakhe umnikelo kuEglon, ukumkani wakwaMowabhi.
-
16
|Jueces 3:16|
UEhude wazenzela ikrele elintlangothi mbini, liyikubhite ubude balo, walinxiba phantsi kwengubo yakhe ethangeni lakhe lokunene.
-
17
|Jueces 3:17|
Wawusondeza umnikelo kuEglon ukumkani wamaMowabhi: ke uEglon ebengumfo onengxeba.
-
18
|Jueces 3:18|
Kwathi, akugqiba ukuwusondeza umnikelo, wabandulula abantu ababewuthwele umnikelo lowo.
-
19
|Jueces 3:19|
Wabuya yena emifanekisweni eqingqiweyo eseGiligali, wathi, Ndinelizwi lasentsithelweni nawe, kumkani. Wathi, Yithini tu. Baphuma bemka kuye bonke ababemi ngakuye.
-
20
|Jueces 3:20|
Weza uEhude kuye, ehleli egumbini eliphezulu elinempepho, elibe lilelakhe yedwa. Wathi uEhude, Ndinelizwi likaThixo eliza kuwe; wesuka esihlalweni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10