-
-
Xhosa
-
-
11
|Jueces 7:11|
uye empini, uve into abayithethayo; emveni koko siya komelela isandla sakho. Yihla ke uye empini. Wehla ke yena noFura, umfana wakwakhe, baya ekupheleni kwabaxhobileyo abasempini.
-
12
|Jueces 7:12|
AmaMidiyan nama-Amaleki nabasempumalanga bonke babelele entilini benjengeenkumbi ukuba baninzi; neenkamela zawo zibe zingenakubalwa, njengentlabathi yonxweme lolwandle ukuba zininzi.
-
13
|Jueces 7:13|
Wafika uGidiyon; nantso indoda ixelela ummelwane wayo iphupha, isithi, Yabona, ndiphuphe iphupha; ndibone kuqengqeleka isonka serhasi sisiza emkhosini wamaMidiyan, sifike ententeni, sibethe iwe, ithi bhukuqu intente, ithi bhuma.
-
14
|Jueces 7:14|
Waphendula ummelwane wayo wathi, Loo nto kunje likrele likaGidiyon, unyana kaYowashe, indoda yakwaSirayeli; uThixo uwanikele amaMidiyan nomkhosi wonke esandleni sakhe.
-
15
|Jueces 7:15|
Kwathi, akukuva uGidiyon ukuxelwa kwephupha nokutyhilwa kwalo, wanqula, wabuyela emkhosini wamaSirayeli, wathi, Vukani, ngokuba uYehova uyinikele impi yamaMidiyan esandleni senu.
-
16
|Jueces 7:16|
Wawahlula aba ngamaqela omathathu amadoda lawo amakhulu mathathu; wabeka izigodlo esandleni sawo onke, nemiphanda engenanto, nezikhuni ezivuthayo ngaphakathi kwemiphanda leyo.
-
17
|Jueces 7:17|
Wathi kuwo, Khangelani kum, nenjenje: yabonani, ndakufika ekupheleni kwempi, nothi njengoko ndenza ngako mna, nenjenjalo nina.
-
18
|Jueces 7:18|
Ndovuthela ngezigodlo mna, nabo bonke abanam, nivuthele ke ngezigodlo nani ngeenxa zonke emkhosini, nithi, Ha! Ha! Ikrele likaYehova, likaGidiyon!
-
19
|Jueces 7:19|
Wafika ke uGidiyon, nekhulu lamadoda elinaye, ekupheleni kwempi, ekuqalekeni komlindo ophakathi kobusuku, bakuthÂ’ ukuthi ukumiswa abalindi. Lavuthela ngezigodlo, liyiqhekeza imiphanda esezandleni zalo.
-
20
|Jueces 7:20|
Avuthela ke ngezigodlo amaqela omathathu, ayiqhekeza imiphanda; aziphatha izibane ezivuthayo ngezandla zawo zokhohlo, awaphatha amaxilongo ngezandla zawo zokunene, ukuba avuthele; adanduluka esithi, Ha! Ha! Ikrele likaYehova, likaGidiyon!
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7