-
-
Xhosa
-
-
21
|Jueces 8:21|
Bathi ooZebha noTsalimuna, SukÂ’ ume wena, usithi qwele; njengoko injalo indoda, bunjalo nobugorha bayo. Wesuka ke uGidiyon, wababulala ooZebha noTsalimuna, wazithabatha iintsimbi ezisezintanyeni zeenkamela zabo.
-
22
|Jueces 8:22|
Athi amaSirayeli kuGidiyon, Silawule wena, kwanonyana wakho, nonyana wonyana wakho; ngokuba usisindisile esandleni samaMidiyan.
-
23
|Jueces 8:23|
Wathi uGidiyon kuwo, Andiyi kunilawula mna; akayi kunilawula nonyana wam; nguYehova oya kunilawula nina.
-
24
|Jueces 8:24|
Wathi uGidiyon kuwo, Ndiya kucela ngcelo-nye kuni; ndinikeni elowo ijikazi lexhoba lakhe. (Ngokuba ebenamajikazi egolide, kuba ebengamaIshmayeli.)
-
25
|Jueces 8:25|
Athi, Sokunika ngemvume. Azandlala iingubo, aphosa khona elowo ijikazi lexhoba lakhe.
-
26
|Jueces 8:26|
Ubunzima bamajikazi egolide awawacelayo baba liwaka elinamakhulu asixhenxe eeshekele zegolide, ngaphandle kwezaa ntsimbi namacici neengubo ezimfusa ezibe zikookumkani bamaMidiyan, nangaphandle kwezidanga ezibe zisezintanyeni zeenkamela zabo.
-
27
|Jueces 8:27|
UGidiyon wenza ngazo iefodi, wayibeka emzini wakhe eOfra; athi onke amaSirayeli ahenyuza ngokuyilandela khona; yangumgibe kuGidiyon nakwindlu yakhe.
-
28
|Jueces 8:28|
Athotywa amaMidiyan phambi koonyana bakaSirayeli, akaphinda aziphakamise iintloko zawo. Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mane ngemihla kaGidiyon.
-
29
|Jueces 8:29|
Waya uYerubhahali, unyana kaYowashe, wahlala endlwini yakhe.
-
30
|Jueces 8:30|
UGidiyon ebenoonyana abangamashumi asixhenxe abaphumayo esinqeni sakhe, ngokuba ebenabafazi abaninzi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3