-
-
Xhosa
-
-
1
|Marcos 6:1|
Waphuma apho ke weza kwelakowabo; bamlandela abafundi bakhe.
-
2
|Marcos 6:2|
Uthe kwakubakho isabatha, waqala ukufundisa endlwini yesikhungu; baza abaninzi, bakuva, bakhwankqiswa, besithi, Lo uzizuze phi na ezi zinto? Bubulumko buni na obu abunikiweyo, le nto nemisebenzi yamandla enjengale yenzekayo ngezandla zakhe?
-
3
|Marcos 6:3|
Lo akayiyo na ingcibi yokwakha, unyana kaMariya, umzalwana ke kaYakobi noYose noYuda noSimon? Noodade babo abakuthi apha na? Baye bekhubeka kuye.
-
4
|Marcos 6:4|
Wayesithi ke uYesu kubo, Umprofeti akasweli mbeko, kungaba kukowabo, nakwizizalwana zakhe, nakokwabo.
-
5
|Marcos 6:5|
Wayengenako ukwenza na mnye umsebenzi wamandla khona apho, kwakuphela ukubeka izandla phezu kwemilwelwe embalwa, wayiphilisa.
-
6
|Marcos 6:6|
Wamangaliswa kukungakholwa kwabo. Wayeyihambahamba imizana ejikeleza, efundisa.
-
7
|Marcos 6:7|
Ubabizele kuye abalishumi elinababini, waqala ukubathuma ngababini, ngababini; wayebanika igunya koomoya abangcolileyo;
-
8
|Marcos 6:8|
wabathethela ngelithi, mabangaphathi nto yandlela, ibe ngumsimelelo wodwa; bangaphathi ngxowa, nasonka, namali embhinqweni;
-
9
|Marcos 6:9|
bathi kodwa banxibe izixathula; bangambathi neengubo zangaphantsi ngambini.
-
10
|Marcos 6:10|
Wayesithi kubo, Apho nithe nangena endlwini, hlalani khona nide nimke kuloo ndawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10