-
-
Xhosa
-
-
41
|Marcos 6:41|
Wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi ekhangele ezulwini wasikelela, waziqhekeza izonka, wanika abafundi bakhe, ukuba babeke phambi kwabo; wathi neentlanzi zombini wazabela bona bonke.
-
42
|Marcos 6:42|
Badla ke bonke bahlutha.
-
43
|Marcos 6:43|
Baza basusa izitya zizele ngamaqhekeza zalishumi elinazibini, basusa nakwiintlanzi.
-
44
|Marcos 6:44|
Baye abo babezidla izonka ezo bekumawaka omahlanu amadoda.
-
45
|Marcos 6:45|
Wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, lo gama asindululayo isihlwele yena.
-
46
|Marcos 6:46|
Akuba ebulisene nabo, wemka waya kuthandaza entabeni.
-
47
|Marcos 6:47|
Ke kaloku, kwakuhlwa, umkhombe ubuphakathi elwandle, waye yena eyedwa emhlabeni.
-
48
|Marcos 6:48|
Wababona bebulaleka ekuqhubeni; kuba umoya ububavele ngaphambili. Athi ngolwesine ulindo lobusuku eze kubo, ehamba phezu kolwandle; wanga uza kugqitha kubo.
-
49
|Marcos 6:49|
Bathi ke, bakumbona ehamba phezu kolwandle, baba ngumshologu, bakhala;
-
50
|Marcos 6:50|
kuba bonke bambona, bakhathazeka. Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10