-
-
Xhosa
-
-
1
|Marcos 8:1|
Ngaloo mihla, sakuba sikhulu kakhulu isihlwele, singenanto singayidlayo, wababizela kuye abafundi bakhe uYesu, athi kubo,
-
2
|Marcos 8:2|
Ndisikwa yimfesane ngenxa yesihlwele; ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo;
-
3
|Marcos 8:3|
ukuba ndithe ndabandulula baya emakhayeni abo bengadlanga, botyhafa endleleni; kuba inxenye yabo ivela kude.
-
4
|Marcos 8:4|
Bamphendula abafundi bakhe, besithi, Wokuzuza phi na umntu ukuba nako ukubahluthisa aba ngezonka, entlango apha?
-
5
|Marcos 8:5|
Wayebabuza esithi, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe.
-
6
|Marcos 8:6|
Wasithethela isihlwele ukuba sihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha izonka zosixhenxe, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, ukuze babeke phambi kwabo; babeka ke phambi kwaso isihlwele.
-
7
|Marcos 8:7|
Baye beneentlanzana ezimbalwa; akuba esikelele, wathi mazibekwe phambi kwabo nazo.
-
8
|Marcos 8:8|
Badla ke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe.
-
9
|Marcos 8:9|
Ke kaloku abo babesidla ngathi babemawaka mane; wabandulula.
-
10
|Marcos 8:10|
Wangena kwaoko emkhombeni, nabafundi bakhe, weza emacaleni aseDalmanuta.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32