-
-
Xhosa
-
-
21
|Marcos 8:21|
Wayesithi kubo, Phofu yini na ukuba ningaqondi?
-
22
|Marcos 8:22|
Uthi aze kufika eBhetesayida; bazise imfama kuye, bambongoze ukuba ayichukumise.
-
23
|Marcos 8:23|
Uthe, eyibambe ngesandla imfama, wayirholela ngaphandle komzi; watshica emehlweni ayo, wabeka izandla phezu kwayo, wayibuza ukuba ibona nto na?
-
24
|Marcos 8:24|
Yaza yakhangela phezulu yathi, Ndiyababona abantu; kuba ndibanakana behamba, ngathi yimithi.
-
25
|Marcos 8:25|
Wabuya wazibeka izandla phezu kwamehlo ayo, wayikhangelisa phezulu; yabuya yaphila, yababona bonke kakuhle.
-
26
|Marcos 8:26|
Uthi ayithumele endlwini yayo, esithi, Uze ungangeni kuwo umzi, ungathethi nakubani kuwo umzi.
-
27
|Marcos 8:27|
Waphuma uYesu nabafundi bakhe, waya emizini yaseKesareya kaFilipu; waye endleleni ebabuza abafundi bakhe, esithi kubo, Kuthiwa ngabantu ndingubani na mna?
-
28
|Marcos 8:28|
Baphendula ke bona ngokuthi, Bathi unguYohane umbhaptizi; abanye bathi unguEliya; bambi ke bathi ungomnye wabaprofeti.
-
29
|Marcos 8:29|
Athi yena kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Aphendule ke uPetros athi kuye, Wena unguye uKristu.
-
30
|Marcos 8:30|
Wabakhalimela ukuba bangaxeleli bani ngaye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32