-
-
Xhosa
-
-
31
|Nehemías 10:31|
sithi izizwe zeli lizwe ezizisa izinto zentengo, nengqolowa, nokuba yiyiphi, ngemini yesabatha, zithengisa, singathengi kuzo ngesabatha nangomhla ongcwele; siwuyeke ulale umnyaka wesixhenxe, nento ebolekiweyo sisandla nokuba sesikabani.
-
32
|Nehemías 10:32|
Sizimisele imithetho yokubeka phezu kwethu isahlulo sesithathu seshekele ngomnyaka, ngenxa yenkonzo yendlu kaThixo wethu:
-
33
|Nehemías 10:33|
ngenxa yezonka ezicwangcisiweyo, nomnikelo wokudla wamaxesha onke, nangenxa yedini elinyukayo lamaxesha onke, nelesabatha, nelokuthwasa kwenyanga, nangenxa yamaxesha amisiweyo, nangenxa yezinto ezingcwele, nangenxa yamadini ezono okucamagushela amaSirayeli, nomsebenzi wonke wendlu kaThixo wethu.
-
34
|Nehemías 10:34|
Sibawisele amaqashiso ngomsondezo weenkuni ababingeleli, nabaLevi, nabantu, ukuba ziziswe endlwini kaThixo wethu, ngokwezindlu zethu zooyise, ngamaxesha amisiweyo, iminyaka ngeminyaka, ukuba zibaswe esibingelelweni sikaYehova uThixo wethu, ngoko kubhaliweyo emyalelweni;
-
35
|Nehemías 10:35|
sizise iintlahlela zomhlaba wethu, neentlahlela zeziqhamo zonke zemithi yonke, iminyaka ngeminyaka, endlwini kaYehova;
-
36
|Nehemías 10:36|
nabamazibulo koonyana bethu nawemfuyo yethu, ngoko kubhaliweyo emyalelweni, namazibulo eenkomo zethu, nawempahla emfutshane, siwazise endlwini kaThixo wethu, kubabingeleli abalungiselelayo endlwini kaThixo wethu;
-
37
|Nehemías 10:37|
neentlahlela zemigrayo yethu, nemirhumo yethu, neziqhamo zemithi yonke, iwayini entsha, neoli, sizizise kubabingeleli emagumbini endlu kaThixo wethu; nezishumi zemihlaba yethu kubaLevi; bona abaLevi bazamkele izishumi emizini yonke esilima kuyo.
-
38
|Nehemías 10:38|
Umbingeleli unyana ka-Aron aze abekho nabaLevi, ekuzamkeleni kwabaLevi izishumi; bazinyuse abaLevi izishumi zezishumi ezo, bazizise endlwini kaThixo wethu, emagumbini endlu yobuncwane;
-
39
|Nehemías 10:39|
ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaLevi baya kuzisa umrhumo wengqolowa, newayini entsha, neoli, emagumbini apho zikhona iimpahla ezingcwele, nababingeleli abalungiselelayo, nabamasango, neemvumi; indlu kaThixo wethu singayishiyi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4