-
-
Xhosa
-
-
14
|Nehemías 8:14|
Bafumana kubhaliwe emyalelweni, awawumiselayo uYehova ngoMoses, ukuthi, oonyana bakaSirayeli mabahlale eminqubeni ngomthendeleko wenyanga yesixhenxe;
-
15
|Nehemías 8:15|
nokuthi mabavakalise, bahambise ilizwi emizini yabo yonke, naseYerusalem, lokuthi, Phumani niye ezintabeni, nize namahlamvu eminquma, namahlamvu eminquma yasendle, namahlamvu emimirtile, namahlamvu esundu, namahlamvu emithi ethe shinyi, ukuze kwenziwe iminquba ngoko kubhaliweyo.
-
16
|Nehemías 8:16|
Baphuma abantu, bawazisa, bazenzela iminquba, elowo phezu kwendlu yakhe, nasezintendelezweni zabo, nasezintendelezweni zendlu kaThixo, nasendaweni yembutho yesango lamanzi, nasendaweni yembutho yesango likaEfrayim.
-
17
|Nehemías 8:17|
Lonke ibandla elalibuye ekuthinjweni lenza iminquba, lahlala eminqubeni; ngokuba oonyana bakaSirayeli babengenzanga ngokunjalo kususela kwimihla kaYoshuwa unyana kaNun, kwada kwayiloo mini. Kwabakho ke uvuyo olukhulu kunene.
-
18
|Nehemías 8:18|
Kwaleswa encwadini yomyalelo kaThixo imihla ngemihla, kwathabathela kumhla wokuqala kwezisa kumhla wokugqibela. Benza umthendeleko imihla yasixhenxe; ngomhla wesibhozo yaba yingqungquthela ngokwesiko.
-
1
|Nehemías 9:1|
Ke kaloku ngomhla wamashumi amabini anesine waloo nyanga, bahlanganisana oonyana bakaSirayeli, bezila ukudla, beneengubo ezirhwexayo, bezigalele umhlaba.
-
2
|Nehemías 9:2|
Yazahlula imbewu kaSirayeli koonyana bonke bolunye uhlanga, bema bazixela izono zabo, nobugwenxa booyise.
-
3
|Nehemías 9:3|
Bema endaweni yabo, belesa encwadini yomyalelo kaYehova uThixo wabo, isahlulo sesine semini; esinye isahlulo sesine bexela izono zabo, bemnqula uYehova uThixo wabo.
-
4
|Nehemías 9:4|
Benyuka bema esikhwelweni sabaLevi ooYeshuwa noBhani, noKademiyeli, noShebhaniya, noBhuni, noSherebhiya, noBhani, noKenani; bamemeza ngezwi elikhulu kuYehova uThixo wabo.
-
5
|Nehemías 9:5|
Bathi abaLevi, ooYeshuwa, noKademiyeli, noBhani, noHashabheneya, noSherebhiya, noHodiya, noShebhaniya, noPetaya: Sukani nime. Bongani uYehova uThixo wenu, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni. Malibongwe igama lobuqaqawuli bakho, elikuphakameleyo konke ukubonga nokudumisa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7