-
-
Xhosa
-
-
16
|Nehemías 13:16|
Kwakuhleli khona nabaseTire, bezise iintlanzi neento zonke zentengiso; bethengisa ngesabatha koonyana bakaYuda eYerusalem.
-
17
|Nehemías 13:17|
Ndabambana nabanumzana bakwaYuda, ndathi kubo, Yintoni na le nto imbi kangaka niyenzayo, niwuhlambelayo umhla wesabatha?
-
18
|Nehemías 13:18|
Babengenjenalo na ooyihlo, waza uThixo wethu wasifikisela thina nalo mzi bonke obo bubi? Ke nina nongeza ukuvutha komsindo kuSirayeli, niyihlambela nje isabatha.
-
19
|Nehemías 13:19|
Bekusithi, kwakuba lungcwalazi phakathi kwamasango aseYerusalem phambi kwesabatha, ndithi mazivalwe iingcango; ndithi mazingavulwa ide igqithe isabatha. Ndamisa inxenye yamadodana akwam emasangweni, ukuze kungangeniswa mthwalo ngemini yesabatha.
-
20
|Nehemías 13:20|
Abarhwebi, nabathengisa ngeento zonke zentengiso, babelala ngaphandle kweYerusalem kanye nokuba kukabini.
-
21
|Nehemías 13:21|
Ndaqononondisa kubo, ndathi kubo, Yini na ukuba nilale phambi kodonga? Ukuba nithe naphinda, ndonisa isandla. Kususela kwelo xesha ababanga seza ngesabetha.
-
22
|Nehemías 13:22|
Ndathi kubaLevi mabazihlambulule, beze bagcine amasango, ukuze kungcwaliswe umhla wesabatha. Ndikhumbulele nangale nto, Thixo wam, ube nenceba kum ngokobuninzi benceba yakho.
-
23
|Nehemías 13:23|
Kananjalo ngaloo mihla ndawabona amaYuda abezeke abafazi abangama-Ashdodekazi, nama-Amonikazi, namaMowabhikazi,
-
24
|Nehemías 13:24|
oonyana babo inxenye bethetha ngesiAshdode, bengenakuqonda ukuthetha ngesiYuda, bethetha ngokwentetho yezizwe ngezizwe.
-
25
|Nehemías 13:25|
Ndabambana nawo, ndawatshabhisa, ndabetha amadoda kuwo, ndawadlathula iinwele, ndawafungisa uThixo ngokuthi, Inene, iintombi zenu aniyi kuzendisela koonyana babo, neentombi zabo aniyi kuzizekela oonyana benu, aniyi kuzizeka nani ngokwenu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7