-
-
Xhosa
-
-
6
|Nehemías 13:6|
Ekwenzekeni oko konke bendingekho eYerusalem; ngokuba, ngomnyaka wamashumi amathathu anesibini ka-Artashashta ukumkani waseBhabheli, ndaya kukumkani ekupheleni kwemihla, ndacela kukumkani ukuba ndibuye.
-
7
|Nehemías 13:7|
Ndafika ke eYerusalem, ndabugqala ububi abebenzile uEliyashibhi ngenxa kaTobhiya, ngokumenzela kwakhe igumbi ezintendelezweni zendlu kaThixo.
-
8
|Nehemías 13:8|
Kwaba kubi kum kakhulu; ndazilahlela phandle zonke iimpahla zendlu kaTobhiya ngaphandle kwegumbi.
-
9
|Nehemías 13:9|
Ndatsho, bawahlambulula amagumbi; ndazibuyisela khona iimpahla zendlu kaThixo, umnikelo wokudla, nentlaka emhlophe.
-
10
|Nehemías 13:10|
Ndazi ukuba izabelo zabaLevi abazinikwanga; ngokuba abaLevi neemvumi, ababesebenza umsebenzi, babebalekele elowo emhlabeni wakhe.
-
11
|Nehemías 13:11|
Ndabambana nabaphathi, ndathi, Yini na ukuba indlu kaThixo ishiywe nje? Ndababutha, ndabamisa esikhundleni sabo.
-
12
|Nehemías 13:12|
Aza onke amaYuda azisa izishumi zengqolowa, nezewayini entsha, nezeoli, koovimba.
-
13
|Nehemías 13:13|
Ndamisa phezu koovimba uShelemiya umbingeleli, noTsadoki umbhali, noPedaya kubaLevi; naphantsi kwezandla zabo yanguHanan unyana kaZakure, unyana kaMataniya; ngokuba bekusithiwa banyanisekile; bamiselwa ukwabela abazalwana babo.
-
14
|Nehemías 13:14|
Ndikhumbule, Thixo wam, ngenxa yoko; musa ukuzicima iinceba zam, endizenzileyo endlwini kaThixo wam, nasezigxineni zayo.
-
15
|Nehemías 13:15|
Ngaloo mihla ndabona kwaYuda abaxovula ezixovulelweni zewayini ngesabatha, nabathutha amasinde, abathwalisa amaesile; kwanewayini, neediliya, namakhiwane, nemithwalo yonke, beyizisa eYerusalem ngemini yesabatha; ndaqononondisa ngaloo mini bathengisa ngokudla ngayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7