-
-
Xhosa
-
-
23
|Nehemías 12:23|
Oonyana bakaLevi, iintloko zezindlu zooyise, babebhalwa encwadini yemicimbi yemihla, kwada kweza nasemihleni kaYohanan unyana kaEliyashibhi.
-
24
|Nehemías 12:24|
Ke iintloko zabaLevi: ibinguHashabhiya, noSherebhiya, noYeshuwa unyana kaKademiyeli, nabazalwana babo malungana nabo, ukuba badumise, babulele, ngokomthetho kaDavide umfo wakwaThixo, iqela lilunge neqela;
-
25
|Nehemías 12:25|
inguMataniya, noBhakebhukiya, no-Obhadiya, noMeshulam, noTalemon, noAkubhi babengabamasango, begcina isigxina koovimba bamasango.
-
26
|Nehemías 12:26|
Abo babekho emihleni kaYoyakim unyana kaYeshuwa, unyana kaYotsadaki, nasemihleni kaNehemiya ibamba, noEzra umbingeleli, umbhali.
-
27
|Nehemías 12:27|
Ke kaloku ekusungulweni kodonga lweYerusalem kwafunwa abaLevi ezindaweni zabo zonke, ukuba baziswe eYerusalem, ukuba ukusungulwa kwalo kwenziwe ngovuyo, nangemibulelo, nangeengoma, nangamacangci, nangemirhubhe, nangeehadi.
-
28
|Nehemías 12:28|
Bahlanganisana oonyana beemvumi, bevela kuloo mmandla ujikeleze iYerusalem, nasemizini yamaNetofa;
-
29
|Nehemías 12:29|
naseBhete yaseGiligali, nasemihlabeni yaseGebha, neAzemavete; ngokuba iimvumi zazizakhele imizi ejikeleze iYerusalem.
-
30
|Nehemías 12:30|
Bazihlambulula ababingeleli nabaLevi, bahlambulula abantu, namasango, nodonga olo.
-
31
|Nehemías 12:31|
Ndabanyusa abathetheli bakwaYuda phezu kodonga, ndamisa amaqela amakhulu amabini okubulela, enza imityino, elinye lasinga ekunene phezu kodonga esangweni lenkunkuma.
-
32
|Nehemías 12:32|
Emva kwalo kwahamba uHoshaya nesiqingatha sabathetheli bakwaYuda,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7